IQABANE kwiANC, uNkosifikile Nophemba Gqomo (48), obhubhe ngobusuku bangoMvulo umhla wesithathu kule veki, uya kukhunjulwa njengalowo obenesakhono kwezonxibelelwano, kwaye ekwanaso nesakhono sokudibanisa iintlambo ezalanayo ngaphakathi embuthweni, nanjengoko ebeliciko kwaye engumntu wabantu, ngokutsho kweANC.
Lo mbutho uthi ukubhubha ngesaquphe kweqabane lawo kothusile kwaye bekungalindelekanga.
OyiNtloko kwezoNxibelelwano kwiANC eMpuma Koloni, uGift Ngqondi, uthi bakuthabathisa kwiinyawo zikaGqomo njengoko ebengumzekelo.
“Siyalila kuba besimthanda uNophemba, kwaye sikwalilisana noluntu obelumthanda kuquka nelizwe lakhe ebelimthanda. Siyakutyala Nophemba, ngokuncama konke okwakho usebenzela isizwe,” kutsho uNgqondi.
UGqomo, oyinzalelwane yakuQumbu, wazimanya nokulwela inguqu ngeminyaka yoo80 esungula umbutho wabafundi, iCongress of South African Students (COSAS) kummandla owawusaziwa ngokuba yiTranskei ezinikele, elwela inkululeko.
Ukwabonakalise izakhono zakhe zonxibelelwano ezigqwesileyo kwiANC Youth League Provincial Executive Committee, nekulapho wade wonyulwa njengesithethi seANCYL.
UGqomo ebesele ngoku elilungu lekomiti kaSodolophu (MAYCO) kuMasipala weSithili iOR Tambo emva kolonyulo looRhulumente basemakhaya. Uye waphinda wonyulwa njengoNongxowa wengingqi weANC eOR. Tambo kwinkomfa yoMnga ka2021.
I-ANC ikwadlulise amazwi ovelwano kusapho lukaNophemba, izihlobo kwakunye noogxa bakhe kwilizwe lonke jikelele.
UGqomo wayekhe waliLungu lePalamente eliphezulu kumbutho ophikisayo iCongress of the People (COPE), ekwasisithethi salo mbutho phakathi komnyaka ka2009-2011.
UGqomo ufundisile kwaye wakhulisa abaninzi kwezonxibelelwano, kuquka neentatheli zesikhululo sasekuhlaleni iKhanya Community Radio eseGcuwa, eseSisithethi kwiCOPE.
Inkonzo yakhe yomngcwabo ayikabhengezwa.
Lala ngoxolo Nophemba! Lala ngoxolo Nxotwe!
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10