Ugugutha amaphondo aseChina uZuma

Umongameli weli uJacob Zuma, ekunye nomongameli waseChina uXi Jinping

Ugalelekile
kwiphondo laseGuangdong eChina umongameli
woMzantsi Afrika uJacob Zuma esiya kuzimasa ingqungquthela ebizwa ngokuba yi-Investing in
Africa Forum kwelaseChina

Le nkomfa entsuku mbini kulindeleke ukuba inabise indlela ilizwe laseChina
elizakutyala ngayo izimali kweli lizwekazi lase Afrika. 

Le ngqungquthela, ye-Investing in Africa
Forum ngumbono webhanki yophuhliso yelazwe iChina Development Bank nexhaswa ngurhulumente wela lizwe ukusukela kunyaka ka-2015.

 Kulindeleke ukuba kukhangelwe amacebo okutyala imali
kwezolimo, urhwebo, imizi mveliso, utyelelo nokukhuliswa kweenkonzo zombane.
Ngomhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga ephelileyo iphondo laseGaungdong, eChina, lityikitye isivumelwano sentsebenziswano kunye nephondo laKwaZulu Natal kweli loMzantsi Afrika. 

La maphondo azakusebenzisana kumcimbi wezotyelelo, ulimo, amazibuko eenqanawe, imfundo, amasiko nezithethe ngenjongo zokukhulisa urhwebelwano.

Ingxelo
ithi uZuma uzakusebenzisa eli thuba ukuthengisa uMzantsi Afrika kwi-Investing in
Africa Forum ukuze zande iinkqubo zentsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini.