UGwala akasenaso isifo somhlaza!

Xolani Gwala

 

Usapho lukaXolani Gwala nesithethi sikanomathotholo awusebenzelayo i-702, bagqithise amazwi ombulelo kubantu boMzantsi Afrika emva kokubangcono komsasazi obehlaselwe sisifo somhlaza.

 

Inkosikazi kaXolani, uPeggy Sue Khumalo, uthe udinga amazwi ombulelo kusapho lukaXolani nakubahlobo bakhe abathe bamnika inkxaso ngexesha egula uXolani.

 

Kwiinkcukacha ezikutshwe yi-702, uthe imithandazo, uthando, nenkxaso abayifumene kubantu abahlukeneyo kweli ayithetheki.

 

“Kwiinyanga ezilishumi ukusukela oko uXolani wagula, besifumana izipho ezahlukeneyo apho abantu bebebonisa uvelwano nathi. Kuninzi nokunye esikufumeneyo, andazi nokuba siqale ngaphi ukubulela,” utshilo uPeggy Sue.

 

Uthe ukutyandwa kukaXolani akwenze ngomhla we-16 kweyeSilimela, kuhambe kakuhle njengoko noogqirha ebebemhoyile benze yonke into ngokwezicwangciso.

 

“Sifuna ukubulela ooGqirha Ogude, Marumo, kunye nabancedisi babo njengokuba bebonakalise ubukroti nokuzithoba kwinto yonke ebebeyenza nebingeyiyo ndlwan’iyanetha,’’ utshilo.

 

Ukwathe bayakuvuyela ukuchazela abantu beli lizwe iindaba zokuba oogqirha baqinisekisile ukuba uXolani akasenaso isifo somhlaza.

 

“Sibulela uThixo ngemimangaliso ayenzileyo, okwangoku uXolani usafumana unyango ukuze aphile ngokupheleleyo,” uthethe watsho uPeggy Sue.

 

UThabisile Mbete, ongumphathi wesikhululo uthe, njengokuba uXolani enyangiwe kwaye sele ebuyele nasekhaya sebakujonge ngamehlo abomvu ukuba abuyele emsebenzini xa sele ephile ngokupheleleyo.