Ugwetyelwe ukudlwengula ekwingqawule yetyala lodlwengulo

INKUNDLA yengingqi yaseNgcobo imgwebe iminyaka engamashumi amathathu uMonwabisi Sizani emva kokudlwengula amakhosikazi amabini ngethuba engaphandle ngengqawule kwityala lodlwengulo.

Isithethi segunya-bantu lezotshutshiso uLuxolo Tyali uthi uSizani (49) wakwilali yaseMaMpingeni eNgcobo ebengaphandle ngengqawule edontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini yesehlo sodlwengulo emva kokugwetywa ngo2008.“USizani ukhululwe ngengqawule kweyeDwarha ngo2015, kodwa ibeyinyanga nje kuphela kuba kweyeNkanga ngo2015 wathi wadlwengula intwazana eneminyaka engamashumi amabini ananye.

“Ngenyanga yoMdumba kulo nyaka, le ndoda iye yadlwengula ixhegwazana elineminyaka engamashumi asixhenxe. Onke la maxhoba ngawelali yaseMaMpingeni,” utshilo uTyali.

Iingxelo zithi uSizani uwadlwengule ngokuthi awanqakule ezihambela endleleni ilanga lihlabe umhlaba omabini la maxhoba. Kwityeli lokuqala, le ndedeba yaye yabonwa ngabahlali idlwengula le ntwazana kodwa yaphuncuka, yabalekela ukuzophula emva koko yakhe yanyamalala elalini.

UTyali uthi le ndoda ibanjwe kwisihlandlo sesibini emva kokudlwengula eli xhegwazana. “Siligunya-bantu lezotshutshiso siyasamkela esi sigwebo,” utshilo uTyali.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za