Ugwetyiwe obencumisana nomama omdala!

Uza kuthothoza bonke ubomi bakhe ejele uEric Manyinkawu (30), emva kokufunyanwa enetyala lokuphindaphinda edlwengula umama onama60 eminyaka obencumisana naye.

UManyinkawu ugwetywe yinkundla yamatyala yengingqi yaseMthatha.

Ngokwengxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso, lo mama ebencumisana nalo mfana kwaye ubudlelwane babo bebungebuhlanga njengoko lo mfana ebephatha gadalala lo mama.

Esi sibini besihlala kwindawo yaseZithathele kummandla waseLibode.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi ixhoba layichaza kwiNkosi yendawo le ngxaki yokuxhatshazwa kwayo leli gatyana.

Ngomhla wama28 kweyoMsintsi 2021, uManyinkawu wachwechwa engena kwigumbi lale nkosikazi, enyanzela ukulala nayo ngenkani, logama le nkosikazi yayingavumi isithi ayiziva mnandi ngobo busuku.

Ixhoba lavukela kwiNkosi yabo kwakhona liyokuchaza, iNkosi yalithumela emapoliseni.

Amapolisa zange avule tyala koko wanikwa inombolo ngamapolisa emxelela ukuba uphindile awatsalele umnxeba kwangoko.

UManyinkawu wabuyela kwakhona ngosuku olulandelayo eyokuxhaphaza lo mama, nekulapho waba nethuba lokuphuma wakwazi ukutsalela amapolisa.

UManyinkawu wabanjwa ngamapolisa nafika esangqengqe ecaleni kwalo mama.

Ngethuba kuqhuba ityala, uManyinkawu wathi ityala akanalo ephika nokuba unobudlelwane nomama omdala kuye.

Nangona kunjalo, oku kwaphikisana nowayekubhale kwingxelo emapoliseni apho wathi ngumama obeye azinyhale kuye.

UMtshutshisi wengingqi uLindile Dwakaza wabeka ubungqina bamapolisa kwakunye nobeNkosi phambi kwenkundla.

INPA isamkele esi sigwebo sinikwe okaManyinkawu.