INkundla ePhakamileyo yamaTyala yaseGqeberha igwebe uSinawo Mginywa (19), iminyaka elishumi elinesibhozo (18) engaphakathi entolongweni emva kokuba ethe wafunyanwa enesandla ekubulaweni kwendoda egama linguQondile Mnguni (69) nobetshate nonina.
USinawo wavuma ukuba ubenaso isandla kwesi senzo esithi udiniwe kuba yiminyaka ebukele uQondile ehlukumeza umama wakhe uNomalungisa Precious Mnguni (45).
USinawo uthi ukubukela kuhlukumezeka umama wakhe iminyaka kuko okumenze ukuba athabathe isigqibo sokumbulala.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali ithi, owabulalayo nguAphiwe Sangezo nongumhlobo kaSinawo awadibana naye kwi-intanethi emva kwesivumelwano sabo sokuncedisana kweli yelenqe.
Ingxelo iqhuba ithi ngomhla we8 kaDisemba 2023, uSangezo wangena ngefesitile kwikhaya likaSinawo eMotherwell evulelwa nguSinawo, apho ekungeneni kwakhe wafika wadubula entloko uQondile wabhubha.
USinawo ubanjwe ngomhla we11 kuJulayi kulo nyaka. Kumatyala ebejongene nawo uSinawo uye wawavuma onke kwaye iNkundla yaveza nokuba ebeqala ukuzibandakanya kulwaphulomthetho nankengoko iveze ukuba akanawo amatyala ajongene nawo ngaphambili.
I-NPA isamkele esi sigwebo sinikwe okaMginywa.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman