Ugwetyiwe ofunyenwe nentsangu

Ugwetye intlawulo engamakhulu amathandathu eerandi okanye iinyanga ezintandathu entolongweni umfana waseBawa eGcuwa emva kokubanjwa ephethe intsangu. 

UMzwandile Mashiyi onamshumi amabini anethoba ubudala ubanjwe ngoLwesithathu emva kokuhletyelwa kwamapolisa ngabahlali ngendawo enezityalo zentsangu.


Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi, “Ngethuba amapolisa efika kwindawo leyo ityalwe intsangu afike umrhanelwa ekhona wabanjwa kwangoko. Le ntsangu xa iqikelelwa ixabisa imali engange R35 000.”


Ukanti abanye kusalindeleke ukuba babanjwe njengoko kuvakala ukuba umrhanelwa akayedwa kwigadi leyo yakhe. Umrhanelwa uyavela kusasa namhlanje kwinkundla zamatyala eGcuwa.