Ugwetyiwe owabulala ngenxa yesikhwele!

Uza kuchitha iminyaka elishumi elinesibhozo engapha kwezimnyama izisele uVuyisanani Tshem, emva kokufunyanwa yinkundla yamatyala yaseGcuwa enetyala lokubulala umzala wakhe.

UTshem, nonamashumi amabini anesixhenxe ubudala (27) ugwetywe kule veki.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha idiza ukuba, uTshem wabulala umzala wakhe onamashumi amabini anesibini ubudala ogama linguNolukholo Tshem kwinyanga yeKhala ngonyaka ka2017.

Oku kwenzeka kwilali yakuMphesheya eCegcuwana.

“UNolukholo ngethuba ehlaselwa ngumzala wakhe onguVuyisanani wayesisa ukutya ebakwetheni kwibhoma elalikude kufuphi nekhaya labo emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku. UVuyisanani wabona uNolukholo encokola nendoda ancuma nayo endleleni eya ebakhwetheni, wakrweca uNolukholo embuza ukuba uncokolelani nalo mfo. UVuyisanani wangena ngezembe kumzala wakhe emxabela de wabhubha,” utshilo uManatha.

UManatha uthi umrhanelwa wabe sele ebanjwa kwangoko ngamapolisa aseGcuwa emva kokuba kuchaziwe. Esi sigwebo seminyaka elishumi elinesibini sibekwe kuVuyisanani Tshem samkelwe nguMkomishinala wamaPolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga,

esithi ingakumbi ixhoba nomrhanelwa bezalana, bekufanele bayakhuselana hayi babulalane.