Ugwetyiwe owabulala ze wangcwaba isinqanda-mathe

Inkundla yamatyala yaseSterkspruit imgwebe ubomi ejele izihlandlo ezibini uNqabile Ngqoza, emva kokufunyanwa enetyala lokubulala isinqanda-mathe sakhe, waze akugqiba wasingcwaba.

UNgqoza (29) wasenza esi sehlo kwilali yaseVoyizana eSterkspruit kwiminyaka elishumi eyadlulayo. Ngokobungqina obuvele enkundleni, uNgqoza wayethandana noFezeka Gunukelwa owayene ntombazanyana enonyaka ngelo xesha. Le ntwazana asiyiyo ekaNgqoza.

UNgqoza waxelela uGunukelwa ukuba ufuna ukumtshata, kodwa wala uGunukelwa esithi uthandana noSizwe Hinana, indoda yalapho ekuhlaleni.

Minazana ithile, uHinana wayokulanda uGunukelwa nentombi yakhe kwikhaya labo kuba efuna baye kokwabo. Ekubalandeni, wangena kumzi wentselo. Xa ephuma apho, wafumanisa ukuba abekho wayokubajonga kuloNgqoza wafika bekhona.

UNgqoza wakhupha umpu wakhomba uHinana, owathi wabaleka ngokoyikisela ubomi bakhe.

Emva kokuba ebalekile uHinana, uNgqoza waxelela uGunukelwa ukuba kufuneka abulale lo mntwana uyintombi ukuze batshate kodwa wala uGunukelwa.

Kusajongwe leyo, uNgqoza wakhupha iScrewdriver wahlaba le ntombazanyana emva koko wonda ngonina emhlaba. Wathi akuba emhlabile, wamdubula entloko wabhubha.

Inkundla ive ukuba uNgqoza wathatha umzimba wale ntombazanyana wayokuwulahla kwindlu yangasese, ze wathatha okaGunukelwa wayokuwungcwaba kwingcwaba elifutshane kwakwikhaya lakhe.

Oommelwane beva ngevumba liphuma kwindlu yangasese, xa kukhangelwa kwafikwa ingumzimba womntwana kaGunukelwa.

Emva kokuba amapolisa ebiziwe, avumbulula umzimba kaGunukelwa engcwabeni ze wabanjwa uNgqoza.

Nangona ezamile ukuliphika ityala, inkundla isebenzise ubungqina obuphambi kwayo ukumgweba ubomi ejele izihlandlo ezibini ngokubulala, yamgweba iminyaka emithandathu ngokukhomba uHinana ngompu, esibhozo ngompu ongekho semthethweni kwanemithandathu ngokuba neembumbulu ezingekho semthethweni.