Ugwetyiwe owadlwengula eNgqamakhwe

Ugwetywe iminyaka elishumi elinesithandathu uMalinge Mambumbu (34) wakuKhothane eNgqamakhwe egwetywa yinkundla yamatyala aseGcuwa ngokufunyanwa enetyala lokudlwengula owasetyhini onamashumi amabini anesithathu ubudala emdlwengula kulo nyaka sikuwo kwinyanga kaMatshi.

Lo wasetyhini wadlwengulelwa kwilali iMazizini eGcuwa. UMambumba lo wayeze kule lali njengomalusi weegusha. Iingxelo eziphuma kumapolisa aseGcuwa zithi UMambumba wagrogrisa ixhoba eli ngokulidubula ngethuba elirhuqa esiyokulidlwengula.

Isamkele esi sigwebo inkumanda yamapolisa aseGcuwa uStanely Sibhidla esithi oku kuyimfundiso nakubani na ocinga ukwenza ulwaphulo mthetho.