Ugwetyiwe owadlwengula inkosikazi egula ngengqondo

Inkundla yengingqi yaseMthatha imgwebe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu uTomasi Matsanzike (31) emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula inkosazana ene 28 yeminyaka nekhubazeke ngokwasengqondweni.

Ubungqina obuvele phambi kwenkundla budize ukuba uMatsanzike wayekwikhaya lexhoba eNtibane Farms kuTsolo ngenyanga yeKhala ngo2012 eyokuthatha imali yezinto azithengisayo kumama weli xhoba.

“Wafika umama wexhoba engekho. Emva koko uMatsanzike walandela ixhoba walivalela kwenye yezindlu zelikhaya walidlwengula,” utshilo osisithethi seGunya-bantu Lezotshutshiso (NPA) kula ngqingqi uLuxolo Tyali.

Uqhube wathi, “Ummelwane wexhoba wathi xa ebona ukuba uMatsanzike akade aphume endlini waqonda ukuba makayokujonga ukuba kwenzekani. Wathi akubona lo mmelwane, wabaleka.”

Ingxelo zithi ngethuba kuqhutywa ityala, uMatsanzike ebekhanyela esithi wayeyileqa ngaphakathi endlini efuna ifowuni yakhe kuyo. Bubungqina bukagqirha obudize ukuba ixhoba ladlwengulwa nobuveliswe ngumtshutshisi wetyala uChantal Govender.

“Ummelwane naye waxelela inkundla ukuba wafika ixhoba linganxibanga mpahla zangezantsi futhi linee mpawu zodlwengulo,” utshilo uTyali.

Nangona nje likhubazekile ngokwasengqondweni, lakwazi ukuxelela inkundla ngokwenzekayo.

UTyali uthi iGunya-bantu Lezotshutshiso liyasamkela esisigwebo.