Ugwetyiwe owadlwengula inkwenkwe!

INKUNDLA yamatyala yaseGcuwa iyigwebe iminyaka engamashumi amabini indoda yaseLesotho emva kokufunyanwa inetyala lokudlwengula inkwenkwe yaseZizamele eGcuwa.

Le ndoda igwetyiweyo ngummi waseLesotho uLebohang Mofokeng (36).

Iingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa kwakunye neendawo ezingqongileyo uKapteni Jackson Manatha zidiza ukuba uMofokeng wayeze ngokusebenza eGcuwa esolusa iigusha kwifama yakwaMadasa ngaseGcuwa.

“Ixhoba, lalityelele uMofokeng kwindawo ahlala kuyo ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo.

“Ixhoba lahlala kwade kwarhatyela lade labe liyalala kwindlu yomrhanelwa lo. Ixhoba ladlwengulwa ebusuku lakhululwa ngumrhanelwa kusasa ukuba maligoduke. Inkwenkwe yafika yabika kunina wayo ukuba idlwenguliwe nguMofokeng,” utshilo uManatha.

Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uBrigadiya Stanley Sibhidla uzikhalimele izenzo zokudlwengulwa kwanokuhlaselwa kwabantwana kwakunye namanina.

Watsho esamkela nesigwebo esinikwe uMofokeng sale minyaka inganashumi amabini esithi oku kwakuba sisilumkiso nakwabanye abadlwenguli, abaxhaphaza amanina nabantwana.

abongile.ginya@inl.co.za