Igwetywe iminyaka engama-25 ejele indoda yaseMpangeni KwaZulu-Natal emva kokuba ifunyenwe inetyala lokudlwengula intwazana eneshumi elinesihlanu (15) engaphilanga kakuhle ngokwasengqondweni e-Obizo eMpangeni.
Ngokwengxelo yamapolisa, uBhekumuzi Manzini onamashumi amahlanu anesine (54) ugwetywe ngoLwesibini kule veki yinkundla yaseMpangeni.
Ijaji ebichophele iityala ithi, le ntwazana yadlengulwa izihlele kowayo kwinyanga yeDwarha ngo2014 ngethuba uManzini efika eyithembisa ngokuyipha iziqhamo,wayigrogrisa ukuba angayichazi le nto. Uyidlwengule yade yakhulelwa.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa