Indoda eyadlwengula intwazana eneminyaka esibhozo (8) kuphela ubudala ngeminyaka yakuGatyana, igwetwe iminyaka engamashumi amabini ejele.
UMxolisi Magwa (42) ugwetywe yinkundla yamatyala yakuGatyana kwiveki ephelileyo.
Iingxelo eziphuma kumapolisa ala mmandla zithi, ixhoba laye laduka kowalo kwilali yakuNtlabane kwinyanga yoMnga ngo2014.
Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha udiza ukuba abahlali baqalisa ukukhangela le ntwazana elalini bayibhaqa idlwengulwa nguMagwa kwikhaya lakhe.
Abahlali bavula ityala kwisikhuulo samapolsa kuGatyana, emva kokuba ethe wabaleka uMagwa.
Eli tyala laye laphandwa ngamapolisa aseGcuwa ajongene namatyala oxhatshazo ngezesondo.
Inkumanda kumapolisa aseGcuwa uBrigadiya Stanley Sibhidla usiqhwabele izandla esi sigwebo.
USibhidla ukwatyityimbisele umnwe abenzi bobubi ingakumbi abo bajongene nokuxhatshazwa kwamanina kwakunye nabantwana.
abongile.ginya@inl.co.za
Ivela kwiveki ezayo indoda ebanjwe eLusikisiki