Ugwetyiwe owadlwengula intwazana esithi sisinqandamathe sakhe

UZola Budaza onamashumi amabini ananye ubudala (21) ugwetywe ubomi entolongweni ngaphezulu kuquka neminyaka esixhenxe emva kokudlwengula intwazana eneminyaka engama-21 kuba ebanga ngelithi sisinqandamathe sakhe.

Ngokobungqina obuthe babekwa phambi nkwenkundla yamatyala, uBudaza wafika kwikhaya lexhoba kwilali yakuNdzondeni eLusikisiki kuJuni ka2014 efika sele ezintyintye ngotywala exelela ixhoba lakhe ukuba sisinqandamathe sakhe, kwaye uzolala akayi ndawo.

Kulapho waye wagrogrisa ixhoba ngemela elitsala ngenkani elitsalela kwindlu engenamntu eliphindaphinda ukulidlwengula lo gama sele elihlabile.

Umtyholwa waye walala akugqiba lo mkhwa neyabalithuba kwixhoba layo lokuchaza ngokwehlileyo kubamelwane bakhe. Amapolisa aye asabela nalapho umrhanelwa onguBudaza waye wabanjwa kwangoko.

Isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso kwingingqi yaseMthatha uLuxolo Tyali uthe, ngethuba letyala likaBudaza waye wadiza ukuba yena akanatyala kuba ixhoba laliyintokazi yakhe.

Nangona kunjalo umtshutshisi wenkundla uPumzile Nyusani uye wabeka ubungqina benye yeetshomi zexhoba ezazikhona ngethuba kuhlaselwa ixhoba, waphinda wathi thaca ubungqina bomnikazi womzi lowo wawunexhoba.

UTyali uthe, igunya bantu lezotshutshiso lisamkele esi sigwebo lisithi oku kwakuba sisifundo nakwabanye abenzi bobubi kumanina.

abongile.ginya@inl.co.za