Ugwetyiwe owadlwengula isithandwa sakhe

Inkundla yamatyala engingqi kuGatyana igwebe uMawande Ngubethole (22) owadlwengula intwazana eneshumi elinesithoba newayethandana nayo. Ugwetywe iminyaka eli-9 .

Oku kwenzeka kwilali iLurhwayizo ngeyoMqungu kulo nyaka sikuwo, apho ixhoba laye ladibana noNgubethole, wafuna ukubuyelana naye ngenkani, akungavumi, umrhanelwa walidlwengula elirhuqela kwihlathi elikufutshane.

Ixhoba laye layokuvula ityala lokudlwengulwa kumapolisa akuGatyane.

Eli tyala laye laphandwa ngabo bajongene nokuphatheka gadalala kwabantwana kwakunye namanina eGcuwa emveni koko umrhanelwa wabanjwa.