Ugwetyiwe owadlwengula umzukulwana wakhe

Yindoda enama-54 ubudala ezakuthi ichithe iminyaka elishumi elinesihlanu ingaphakathi entolongweni, emva kokuba ifunyenwe inetyala yinkundla yengingqi yaseThekwini, elokudlwengula umzukulwana wayo oneminyaka esixhenxe kuphela.

Isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso uNatasha Ramkisson-Kara uthi, lo tata ufunyenwe enamatyala amahlanu ekuquka elokubukelisa umntwana umboniso onamanyala.

Yiminyaka emihlanu eyokubonisa umntwana imifanekiso enamanyala, ze ibelishumi eyokudlwengula, lo minyaka izakuhamba ngaxesha linye.

Ezi ziganeko zenzeke ekuqalekeni kwalo nyaka.