Ugwetyiwe owadubula ipolisakazi kuCentane ngenxa yesikhwele

Ugwetywe ishumi elinesibini leminyaka uWilfred Mzingisi Gunguluza (36) yinkundla yengingqi yamatyala aseTsomo, kulandela ukudubula isinqandamathe sakhe ngenxa yobukhwele.

UGunguluza ebethandana nepolisakazi elikwisikhululo samapolisa akuCentane, yena engumsebenzi kwiphondo laseMpumalanga.

Iingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha zithi, le ndoda yadubula eli polisakazi kweyoMnga ngo2013 efika evela eMpumalanga efikele kwigumbi leli polisakazi.

“UGunguluza wayefika esuka eMpumalanga. Watyelela eli polisakazi kwindawo elihlala kuyo. Wafika lilungiselela ukuya kuphangela ebusuku, wathabatha ifowuni yalo esiya kujonga imiyalezo nalapho kubonakala ukuba wabanorhano lokuba liyakrexeza.

“Kulapho waye wathatha umpu womsebenzi weli polisakazi walidubula kumzimba ongentla, akugqiba ukwenza oko wabaleka kwangemoto leyo yepolisakazi, neyafunyanwa kwidolophu yaseDutywa, wabe yena esingise eMpumalanga,” utshilo uManatha.

UManatha uthi, uGunguluza wabanjwa eMpumalanga emva kweenyanga ezintathu, wabekwa ityala lokuzama ukubulala, ukuba umpu kwanokumosha izixhobo zomntu.

Inkundla iye yamnika iminyaka elishumi engaphakathi eziseleni ngokuzama ukubulala intokazi yakhe kwakunye neminyaka emibini ngokuba umpu.

abongile.ginya@inl.co.za