Ugwetyiwe owazithathela ngolunya

Ugetywe iminyaka elishumi enkoloza kwezimnyama izisele uAthenkosi Waka (20) egwetywa yinkundla yamatyala kuGatyana emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana eneshumi elinesihlanu ubudala.

Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha ithi, oku kwenzeka kwilali yakuNolangeni kuMente kuGatyane ngomhla wesibhozo kweyeNkanga ngo2016. UWaka kwakunye nexhoba babesuka emgidini kumzi ongaphesheya elalini ze uWaka wagrogrisa ixhoba ngentonga wabe sele elidlwengula.

Inkumanda yamapolisa eGcuwa uBrigadier Ngangema Xakavu, uthi esi iyakuthi ibesisifundo kwabo bacinga ukwenza imikhuba nabo.