Ugwetyiwe umngcwabi waseGcuwa

Umngcwabi owaziwayo eGcuwa, uNgenisile Gxoyi, ugwetywe iminyaka elishumi elinesibini ejele emva kokufunyanwa enetyala lokubulala indoda ekwa ngummi waseGcuwa.

Inkundla yengingqi eGcuwa imfumene enetyala lo kaGxoyi emva kokudubula abulale uMfundo Ndlwana (30).

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi uGxoyi, ongumnini wenkampani yokungcwaba iGxoyi Funeral Services wayerhanela uNdlwana ngokuba isixhobo (gear box) semoto yakhe koka-2012.

“Lo kaGxoyi waya kwindawo asebenzela kuyo uNdlwana eBika nalapho kwathi emva kwengxwaba-ngxwaba, wakhupha umpu wamdubula. Umfi wabhubha ngoko nangoko,” utshilo uManatha.

Ukanti ngokwengxelo kaManatha, umpu lo wadubula ngawo losomashishini wawunempepha mvume.

UGxoyi wakhe wangundaba-mlonyeni eGcuwa kwiminyaka embalwa edlulileyo emva kokuba kwakuthe ndii iindaba zokuba yena, nabanye abangcwabi eGcuwa, bathengisa ngamalungu omzimba ezidumbu zabo.

Kusasazo lwenkqubo yeendaba kwiKhanya Community Radio eGcuwa koka-2009, uGxoyi wazikhanyela ezizityholo, esithi “zibubuvuvu!”

abongile.ginya@inl.co.za