Ugwetyiwe umyeni okhulelise umama nomntwana.

INkundla ePhakamileyo yaseMthatha nebichotshelwe kwidolophu yaseNtabankulu, igwebe uSamkele Mcakacwa (37) iminyaka engama28 engaphakathi entolongweni emva kokuba imfumene enetyala lokudlwengula de akhulelise intwazana eneshumi elinanye (11) engumntwana wenkosikazi yakhe.

Le ntwazana, nengasebenzisi fani yale ndoda, esele ngoku ineshumi elinesithathu leminyaka (13) iqale ukudlwengulwa ngo2017 ngethuba iyokuhlala nomama wayo kwakunye nalo tata umtsha emzini kamama wakhe kwilali iManaleni eNtabankulu. Yena umama wakhe nale ndoda batshata ngo2013.

Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA kula mmandla, uLuxolo Tyali, ithi le ntwazana yaqala ukudlwengulwa ngethuba umama wayo eyishiye nosisi wale ntwazana oneminyaka esibhozo kwakunye nale ndoda kweli khaya. Umama wayeye emcimbini kowabo eshiya abantwana noyise. Emva koko utata lo wangena kwixhoba elidlwengula akugqiba waligrogrisa, esithi lingaxeleli mntu kuquka nomama walo, kungenjalo ukuba lixelile uza kulibulala.

Ingxelo iqhuba ithi uMcakacwa khange aphike nto phambi kwenkundla, uvumile ukuba oku ukwenze de yanguDisemba ka2020.

Bobabini ixhoba kwakunye nale ndoda abasakhumbuli ukuba iye yaba ngamatyeli amangaphi besenza oku.

UTyali uthi ixhoba lithethe xa liqatshelwa ngumakazi walo ukuba likhulelwe. Wabe nomama womntwana engekho eyokubeleka umntwana wale ndoda kowabo.

UMcakacwa emva kokubhaqwa wabiza indibano nosapho esithi uyacela ithethwe isikhaya lingasiwa emapoliseni eli sikizi. Usapho layichaza kusibonda welali ze usibonda wathi mayisiwe emapoliseni ayingangaye. UMcakacwa wabalekela KwaZulu-Natal kwindawo yaseBhambayi apho abhaqwe khona kulo nyaka ngamapolisa wabanjwa, de wabe uyagwetywa.

INPA isamkele esi sigwebo.