Ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu owaba ifowuni!

USimbonile Mpitikizi unkolonkoloza ejele emva kokuba inkundla yengingqi yaseHumansdorp imgwebe iminyaka elishumi elinesihlanu (15) eqamele ngenqindi ejele kulandela ukufunyanwa enetyala lokuba ifowuni.


Ngokwengxelo yenkundla, uMpitikizi (36) wakwenza oku kweyeNkanga nyakenye kunxweme iDolphin eJeffreys Bay.

 Iingxelo zithi lo kaMpikitizi wakhuthuza indoda yasePitoli eyayize eJeffreys Bay ukonwabela iiholide zokukekela konyaka.

Emva kokuba lo kaMpitikizi enze oku, ifowuni yasezelwa ngomsinga wokujoja iifowuni ze yafunyanwa kuye buqu kwaloo mini wayeyibe ngayo.

Amapolisa ale ndawo athi esi sigwebo sakuba sisifundo nakwabanye abasacinga ngokukhuthuza abakhenkethi. 

—