Ugwetywe iminyaka elishumi entolongweni umbulali

Ugwetywe iminyaka elishumi engaphakathi eziseleni
uAkhele Gcwabe yinkundla yamamatyala akuGatyana emva kokufunyanwa yinkundla
ukuba unetyala lokubulala ugxa wakhe kwiminyaka emibini edlulileyo.

UGcwabe 21 wahlaba wabulala uAsavela Skoti 22
ngemela
 kwilali yaseMboya kuGatyana
kwinyanga yoMsintsi ngo2014. Ukubulalana kwabo kulandela emva kokuba USkoti
wabuza kuGcwabe ukuba ngubani obulele ubhuti wakhe, ngethuba bedibana
kwindawo yokulindela iibhasi kwakule lali yakuMboya kuGatyana.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni
Jackson Manatha udiza ukuba endaweni yokuba uGcwabe aphendule umbuzo warhuthula imela wonda ngexhoba elixhaxha
kumzimba ongentla de labhubha kwindawo
leyo yexhwayelo.