Ugwetywe iminyaka elishumi ngokuthengisa iziyobisi

UAnihle Sikade (27) noPromise Uchechukwu (29). UMFANEKISO: HAWKS

Indoda yaseNigeria uPromise Uchechukwu (29) ugwetywe iminyaka elishumi yiNkundla yeNgingqi yaseMdantsane ngelixa izityholo ezijongene nobencuma naye uAnihle Sikade (27) ziye zarhoxiswa njengoko u-Uchechukwu uyewathatha uxanduva lokuba nguye obethengise iziyobisi ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala kulonyaka. Ezi ziinzame zeziko elizinze eMonti iSouth African Enforcement Narcotics Bureau (SANEB) zeqela iSerious Organised Crime Investigation (SOCI) leeHawks lisebenzisana neQela lokuPhendula ngoBuchule (TRT).

Isithethi seeHawks ephondweni uKapteni Yolisa Mgolodela uthe ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyoKwindla ngo2023, amalungu aphantsi kweTRT afumana ulwazi lokuba lo mthengisi weziyobisi waseMonti usendleleni esingise eGcuwa ukuya kuhambisa iziyobisi kumthengi wakhe.

“Amalungu afumana inkcazelo yesithuthi ebesiqhele ukusetyenziswa ukuhambisa eziziyobisi emva koko ahlala ajonga kuhola wendlela uN2 ngaseKomga xa bebona isithuthi esikrokrisayo. Bamisa isithuthi bagqogqa ngaphakathi kwaye bafumana iipakethi ezintlanu zetik zifihlwe phantsi kwesitulo somkhweli.

“U-Uchechukwu noSikade babanjwa kwalapho. Esi sibini sivelile enkundleni kwaye u-Uchechukwu akazange ayinikwe ibheyile ngelixa uSikade ekhutshwe ngebheyile yeR7000. I-SANEB yeSOCI yeeHawks iqhubele phambili nophando ngenjongo yokuqinisa eli tyala,” utshilo uMgolodela.

Esi sibini savela izihlandlo ezininzi enkundleni de ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeKhala ka2023 apho u-Uchechukwu wagwetywa iminyaka elishumi entolongweni engakhange ahlawuliswe ngelixa izityholo kulo wayetyholwa naye zaye zarhoxiswa.

INtloko yeeHawks ephondweni uMajor General Mboiki Obed Ngwenya usivuyela esi sigwebo nanjengoko esithi sidlulisa umyalezo kwaba bathengisa iziyobisi abatshabalalisa ikamva lolutsha kweli.