Ugwetywe iminyaka esibhozo umfundi webanga leshumi

Amawakawaka abafundi bebanga leshumi aqale iimviwo zabo kwiveki ephelileyo kwaye bamaxhaphetshu besenza izicwangciso zonyaka ozayo.

Kodwa akunjalo kumfundi wesikolo samabanga aphezulu iManzana, uSiphamandla Ndlebe oneminyaka engama23. Lo mfundi ziza kumphosa ezi mviwo zokuphela konyaka emva kokuba inkundla kamantyi kwidolophu yaseNgcobo ifumene enetyala lokubulala umhlobo wakhe obengumfundi webanga leshumi kwesinye sezikolo zale dolophu.

Ingxelo ithi, uNdlebe nabahlobo bakhe babekwindawo yentselo iPinkies eNgcobo ngobusuku bangomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yoMdumba kulo nyaka. Kwabakho ingxabano apho phakathi kwakhe nomfi owayelapho naye ehamba nabakhe abahlobo.

Abazibonela ngamehlo baxelele inkundla ukuba esi sibini saye sajijisana waza uNdlebe wakhupha imela. Ixhoba labaleka lisakubona imela, uNdlebe walileqa walifumana walihlaba izihlandlo eziliqela esifubeni lahlanza uselwa.

Igqwetha likaNdlebe licele inkundla ukuba ibe nenceba ngakulo mfundi nanjengoko eselula, likwathi iintsapho zombini zaye zaxolelana kwaye usapho lwakwaNdlebe lwancedisa kwiindleko zomngcwabo.

Amangqina angabahlobo bakaNdlebe anike ubungqina obuthi babesela ngamandla ngoba busuku baze bathi bakuziva ukuba bayoyisakala bahamba bagoduka kodwa uNdlebe akavuma ukuhamba waqhubeka wasela.

Igunya-bantu lezotshutshiso lithi ukubulalana kolutsha yinto ethanda ukwanda kule dolophu, isigwebo emasinikwe seso sizakugqithisa umyalezo osisilumkiso nakolunye ulutsha.

Umantyi uthi uNdlebe ubonakalise udano ngesenzo sakhe, oku kuyamthethelela ngako oko inkundla iza kubuya nganeno kwisigwebo seshumi elinesihlalu leminyaka kwityala lokubulala.

Watsho emthi nkaa ngeminyaka esibhozo aza kuyitsala eqamele ngenqindi entolongweni, ukwaxuthelwe nelungelo lokuphatha umpu ubomi bakhe bonke.

isibhalo@inl.co.za