Ugwetywe isibhozo seminyaka ngokudlwengula!

Igwetywe iminyaka esibhozo indoda yaseRhwantsini kuCentane egama linguAnele Maxakatha, 25, yinkundla yengingqi yamatyala aseGcuwa emva kokufunyanwa inetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala.


Ingxelo ephuma kwisithethi samaPolisa eGcuwa, uKapteni Jackson Manatha ithi, uMaxakatha wathatha ithuba kule ntwazana ngethuba izonwabele kwindawo yentselo kwilali yabo eRwantsini. 


Oku kwenzeka ngomhla wokuqala kwinyanga yoMqungu ngo2018 ngethuba kubhiyozelwa unyaka omtsha.


UMaxakatha kuthiwa warhuqela ixhoba kwikhaya lakhe apho wafika walidlwengula.


Ixhoba lachaza esi sehlo emapoliseni kwisikhululo sakuCentane emva koko wabanjwa uMaxakatha .