Ugwetywe ubomi ngokubulala ipolisa

SIVAKELE isikhalo sabahlali baseVergenoeg naseSun City eRhini ababonakalisa ingqumbo ngokubulawa kwepolisa lendawo yabo uWarrant Officer Alby Julius (48).

UJulius, obethathwa njengoMsamariya olungileyo kule ndawo, wabulawa ngokuhlatywa kwindawo ahlala kuyo eSun City kwinyanga ephelileyo emva kokuphangwa imfonomfono kwanemali ekwiwaka elinesiqingatha seerandi (R1 500). Owabanjwa malunga nelityala, uAnthony Swarts (32) kule veki ulivumile ityala ze wagwetywa ubomi ejele ngokubulala elipolisa. Lo kaSwarts, uphinde wathiwa nka iminyaka elishumi elinesihlanu ngokuphanga.

Esothula isigwebo sakhe, uJaji Nomathamsanqa Beshe wenkundla yaseRhini uthe ebefanelwe sisigwebo esiqatha lo kaSwarts. Abahlali basiqhwabele izandla esisigwebo. Ngethuba evela enkundleni okokuqala ngomhla wesibhozo kwinyanga ephelileyo, inkokeli yabahlali uSandra Witbooi wathi: “Obulele uJulius makabolele ejele. Inkundla mayisive isikhalo sethu. UJulius ebelunge kakhulu engumntu wabantu.”