Ugwetywe ubomi owabulala enye indoda ngenxa yesikhwele

Ugwetywe ubomi umfana waseMdantsane emva kokuba efunyenwe enetyala lokubulala yinkundla yamatyala yaseMonti.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Nkosikho Mzuku, uSinethemba Botile (26), wayokuvingcela indoda isazilelele kwikhaya layo kwindawo yaseZikhwabe wafika wambonzeleka eyihlaba yade yabhubha.

UMzuku uthi unobangela wokuhlatywa kwexhoba kukuba uBotile wayelityhola ngokuba lincuma nentokazi yakhe. Amapolisa aseMdantsane ambamba lo kaBotile, ze emva koko ubungqina bamyamanisa ngqo neli sikizi.

Kusenjalo, ngumfana onamashumi amabini anesixhenxe (27) ogama linguAnelisa Gavini ogwetywe iminyaka elishumi emva kokufunyanwa yinkundla yaseMonti enetyala lokubulala intokazi awayencuma nayo kwanokonzakalisa umhlobo wentokazi yakhe.

UMzuku uthi esi sithathu sasibuya kwindawo yentselo kwilali yaseBongweni eNkqonkqweni kwinyanga yoMnga ngo2015.

“UGavini wangqala ngqo ngemela kwintokazi ancuma nayo wayihlaba engatsho ukuba uyihlabelani. Waphuma waya kumhlobo wentokazi, naye wamhlaba engenzanga nto,” utshilo uMzuku.

INkumanda yamapolisa kwisikhululo saseMacleantown, uKapteni Jacob Ntleki usamkele isigwebo esithwe nka kwesi sibini.

UNtleki uthi oku kwakuthi kube sisifundo nakwabo basazimisele ukuzibandakanya nolwaphulomthetho.