Ugwetywe yinkundla emva kokungena inkwenkwe ena-7

INKUNDLA yeNgingqi yaseSterkspruit igwebe iminyaka elishumi elinesihlanu uMzwandile Mkonyeni (58) emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula inkwenkwana eneminyaka esixhenxe. 

Isenzo sokudlwengulwa kwale nkwenkwe senzeka kweyoKwindla 2016 kwilali iMakalakaleng ePalmietfontein eSterkspruit. 

Ngokwesithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) kwingingqi ekwimpuma yeMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, le nkwenkwe yayokucela iponti (R2) kuMkonyeni kanti kulapho iza kuvalelwa endlini ingenwe ngemva. 

UTyali uth’ uMkonyeni wabhaqwa ngabahlobo bexhoba exhaphaza ngokwesondo le nkwenkwe. 

Ngethuba lokuxoxwa kwetyala, uMkonyeni ebesoloko ephika esithi akazange adlwengule le nkwenkwe. Kodwa inkundla ngokusebenzisa ubungqina bayo ikwazile ukumfumana enetyala lo kaMkonyeni. 

UTyali uthi esi sigwebo sakusebenza njengesithintelo nakwabanye abasacinga ukuxhaphaza ngesondo abantwana abangamakhwenkwe.