Ugwetywe yinkundla ngokubulala abantwana bakhe

ULorraine Kekana, ongumama kubantwana abane abathi baxhaxhwa yindoda yakhe nenguyise waba bantwana uthi, esi sigwebo senkundla sincinane.

Ukudize oku engaphandle kwenkundla ephakamileyo ePolokwane. Ezi ntetha zakhe zilandela emva kokuba uLesiba Kekana wabulala waxhela abantwana bakhe abane uBokang (13) uKeneilwe, (10) uHlologelo, (6) kwakunye noLekgoledi (4) kwinyanga yoMsintsi ngo2014 kwikhaya labo eMoletlane.

Walenza eli sikizi ebanqumla ngemela emqaleni ngokulandelelana kwabo. UKekana ugwetywe iminyaka engamashumi amahlanu anesibini (52) engaphakathi eziseleni.

Ingxelo zithi, oku kwabangelwa yingxabanoo phakathi kwakhe nenkosikazi yakhe wakhuphela umsindo ebantwaneni.