Ugwinte isinqandamathe, emva koko wazibulala ngeyeza leegusha

ABANTU belali yaseMagiqweni eChizele eDutywa basothukile emva kwesihelegu sokuhlatywa kwexhegwazana yindoda elincuma nayo, emva koko indoda yasela iyeza leegusha ngeenjongo zokuzibulala – yabhubha ngoko nangoko.

Esi sehlo senzeke ebusuku ngoLwesihlanu umhla wesibini kule nyanga.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi umzukulwana weli xhegwazana uve ngesankxwe, xa eyokujonga wafika umakhulu wakhe edada egazini ebhubhile, eneempawu zokuhlatywa.

“Eyona nto bebexabana ngayo ayikaziwa okwangoku. Ithe le ndoda yakubona ukuba isibulele isinqandamathe sayo, yathatha iyeza leegusha yalisela emva koko yabhubha ngoko nangoko,” utshilo uManatha.

Eli xhegwazana lineminyaka engamashumi amathandathu anesihlanu logama utata eneminyaka engamashumi amathandathu anesithoba. Akukho zinkcukacha zithi bebetshatile, nangona nje bebencuma bobabini.

Ixhegwazana lichazwe njengoNomrhubuluzo Xube logama ixhego lichazwe njengoNdonile Gulwa.

UManatha uthi amapolisa aphanda ityala lokubhubha kuXube logama bevule nje iqwakuqwaku ngokubhubha kukaGulwa.