Olilungu lepalamente lombutho we’Economic Freedom Fighters (EFF) uCarl Niehaus, umemelela ukuba uMphathiswa womkhosi kweli uAngie Motshekga ashiye esikhundleni sakhe.
Oku kungenxa yokubhubha kwamajoni alishumi elinesithathu oMzantsi Afrika kwilizwe iDRC. UNiehaus ulilungu lekomiti ejongene nemicimbi yomkhosi egameni lombutho wakhe iEFF epalamente.
“Akafuni kuza kuthi siyikomiti azophendula ukuba kwenzeka ntoni, ngoku uthi uza kubiza inkomfa nonoondaba acacise apho, kaloku uyayazi ukuba siza kumbuza thina,” kutsho uNiehaus.
Ukubhubha nokulimala kwamajoni weli kwimpuma yeDRC kubangele ukunxakama kuninzi loluntu lweli. “Ngoko sithi mawabuye amajoni ethu eDRC, yena uMphathiswa ashiye esikhundleni sakhe, uMongameli we’EFF wayeyithethile le nto yokuthunyelwa kwala majoni eDRC ukuba ayilunganga,” kutsho uNiehaus.
Uthi ingingqi yamazantsi elizwe laseDRC ingakumbi idolophu yaseGoma, iphantsi kohlaselo olunzima. ISebe lomkhosi weli lithembisa ngokuba iza kufika imizimba yala majoni kweli kungekudala.
“Intlanganiso ebesiyicelile naye uyijike ngomzuzu wokugqibela kuba uyazile ukuba siza kuthini kula ntlanganiso, makashiye akawazi umsebenzi wakhe,” utsho uNiehaus.
Ukanti unobhala jikelele weANC, uFikile Mbalula, umemelele umbutho wezizwe ezimanyeneyo ukuba uthabathe amanyathelo ngemeko eqhubeka kwilizwe laseDRC ebangele ukubhubha kwamajoni weli.
Kukwakho iingxelo zokuba kukho intlanganiso eza kuqhubeka phakathi koMongameli welizwe laseRwanda uPaul Kagame kwakunye noMongameli uFelix Tshisekedi onguMongameli welizwe laseDRC.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine