Ugxothelwe ukuthetha isiXhosa emsebenzini

EKAPA: UBHENELE kwiComission for Conciliation Mediation and Arbitration (CCMA) uThandile Yalalo waseGugulethu emva kokuba egxothelwe ukuthetha isiXhosa emsebenzini.

ICCMA ivumile ukuba ixoxa umba wokugxothwa komsebenzi wakwaCollinson Group. “Lo mbandela waziswa kuthi ngomhla wesixhenxe kweyoKwindla kodwa awukasonjululwa,” itshilo kwisibhengezo.

Obephendulela iCollinson Group nongazichazanga, uthe lo mbandela uphethwe yiCCMA ngoko ke abanakwazi ukuphendula. “Lo mbandela uphethwe yiCCMA ze lo nto ithethe ukuthi usemthethweni. ICollinson Group inalo ilungelo lokungaphenduli de igqitywe le nto,” utshilo.

UYalalo owayesebenza njengomnxulumanisi phakathi kweCollinson Group nekhastoma uthe wanikwa isaziso sokuba makavele phambi kwequmrhu loluleko emva kokuba waphikisana nesiyalelo sokuba makangathethi isiXhosa emsebenzini.

Uthe wamothusa lo myalelo kodwa watshica phantsi esithi uza kuluthetha ulwimi lwakhe lwenkobe.

“Ndaxelelwa ukuba ndinetyala lokuthetha isiXhosa nabanye abasebenzi. Ndaze ndaphinda ndaxelelwa ukuba andizange ndibonakalise ukuzisola kwiHR. Ndiza kuzisola njani ngokuthetha ulwimi lwam elizweni lam? Ndathetha isiXhosa kugxa wam ngexesha esasiphuma ngalo emsebenzini. Ndimangalelwa njani ngokuthetha isiXhosa kwilizwe elineelwimi ezilishumi elinanye?” ubuze watsho uYalalo.

Umphathi wombutho omele inkcubeko, iBuyambo uDizu Plaatjies uthe akufuneki iyekelwe le nto kungenjalo ziyakuhlala zijongelwe phantsi iilwimi zethu. “Nabani na unelungelo lokuthetha ulwimi lwakhe. Kusekho amaBhulu athetha iAfrikaans kuphela. Kutheni thina kuza kufuneka sigobe ulwimi nokuba luqinile? Eli lizwe lineelwimi ezilishumi elinanye. Angaliphumelela nasenkundleni elo tyala. Makaqine amele ilungelo lakhe,” utshilo.