Ugxothiwe umpheki obe ukutya kwabafundi kwisikolo iMzimkulu JSS

Isikolo iMzimkulu JSS

Bawuvale kakubi unyaka kwisikolo saseLibode, eGxulu, iMzimkulu JSS emva kokuba omnye wabapheki ebe iqela lamaxamba okutya kwabafundi, iinkonxa zentlanzi, amafutha nezinye.

Ngokokutsho kukaZameka Mrawushe olilungu lebhodi elawula isikolo (SGB) kwesi sikolo, ingxelo ngokutya kwabafundi okubiweyo kuvele kwintlanganiso ebingoLwesine umhla we-17 kule yeNkanga. Kwangoko kuye kwarhaneleka ukuba ukutya kubiwe ngumntu onesitshixo sokungena kwindawo ekugcinwa kuyo kuba iqhaga lendlu ekutshixelwa kuyo ukutya lalisavaliwe.

Usihlalo weSGB, uLuthando Vuke uthi bathe basakuyiqaphela eyokuba ukutya kuyabiwa batshintsha iqhaga, kodwa kwaphinda kwabiwa nasemva koko.

Bothuka xa kuphinda kulahleka ukutya emva kweveki yaye kucaca ukuba kuthathwe amaxamba ngambini ngambini kwakunye nokunye ukutya okuninzi. Emva koko babize amapolisa, nawo athe afumanisa ukuba akugqekezwanga, kwangoko kwacaca ukuba umrhanelwa ngumntu onesitshixo sendlu ekutshixelwa kuyo.

Ngomnye umfundi oye wahlebela amalungu eSGB ukuba ukutya kusemzini womnye wabasebenzi opheka apho esikolweni. La malungu aye kujonga apho, ngokwenene kwafunyanwa kulapho oku kutya.

“Ayindiphathi kakuhle tu loo nto kuba aba ngabantu abathenjiweyo ngabazali abafundisa apha esikolweni,” utshilo uLulamile Nakasa oyinqununu yesikolo. UNakasa uthi abasebenzi abazokuqashwa kulo nyaka uzayo abazuzinikwa ukuze bazigcine kubo izitshixo. Baza kuzifumana ekuseni xa befika esikolweni.

UVuke uthi esi siganeko sinokuba sibangelwe kukuba abantu abanalwazi lupheleleyo malunga nenjongo yokutya okuthunyelwa ngurhulumente ukuze kondle abantwana ezikolweni. “Bafuna ukufundiswa yaye ingase kwilixa elizayo singafaki umntu olambe kakhulu kuba yenye ingxaki leyo,” utshilo uVuke.

UVuke uthi kulo nyaka uzayo baza kutshintsha indlela abamonyula ngayo umntu oza kuphekela abafundi esikolweni.

Nanjengoko umpheki esonyulwa ngabazali abafundisa apho esikolweni, uVuke uthi bazokuthatha uxanduva njengeSGB lokuqala bamjongisise lowo mntu wonyuliweyo. Uthi bazokwenza uphando lokuba ungumntu onjani apha ekuhlaleni. “Kuba lo besinaye kuye kwafumaniseka ukuba kwalapha elalini uyathatha,” utshilo uVuke.

“Ingase sifumane umntu oyiqondayo imeko yokuba oku kutya kokomntwana wakhe naye. Umntu ongumzali onomdla wokunceda abantwana, ongazuphinda ebe esikolweni,” wongeze watsho uVuke.