Ugxothwe esikolweni umfundi etyholwa ngobugqwirha. UBayanda Ndlazi ominyaka isibhozo waseNdevana, ugqibele esikolweni ngenyanga yoMdumba kulo nyaka emva kokugxothwa yititshalakazi yakhe imtyhola ngokuthakatha. Lo ngumfundi webanga lesibini kwisikolo samabanga aphantsi iMasijongane, kwaye uzikhumbula kakuhle iziganeko ezabangela ukuba ayeke ukuya esikolweni ebaleka intshutshiso.
Ethetha ngale meko, uyise walo mntwana uMorris Ndlazi, uthi kudala umntwana wakhe etshutshiswa kwesa sikolo. “Lo mntwana ugqibe unyaka kulo nyaka uphelileyo endixelela ukuba uyathukwa ngutitshalakazi wakhe phaya esikolweni, ndanyamezela ndicinga ukuba imeko izakutshintsha,” utsho uNdlazi.
Ingxelo yeli khaya ithi lo mntwana unoxinzelelo olungathethekiyo emva kokuba ethe wahlala ekhaya, engayi esikolweni, ebaleka izityholo zobugqwirha nokuthukwa yile titshalakazi.
“Ndifikelele kwisigqibo sokuba ahlale phantsi ngenyanga yoMdumba, emva kokuba endixelele ukuba akasokuze aphinde aye esikolweni kuba ititshalakazi yakhe ithi uligqwirhakazi elifuze unina, elila esithi mandimkhangelele esinye isikolo,” utsho umzali. Ixhoba likwachazwe ukuba lizelwe ligula sisifo seswekile, kwaye nendlebe zakhe azibukhali njengabanye abantwana abazintanga zakhe. Le titshalakazi kutyholwa ukuba iyaziwa ngokuba ngunkom’ iyahlaba kwesa sikolo, inamaxhoba asele eshiye isikolo ngenxa yayo. “Emva kokuba endixelele ukuba uthukwa ngobugqwirha ndiyile esikolweni, ndathetha nenqununu yathi izakuyilungisa le nto, ndaya kule titshalakazi, yandixelela ukuba mandithathe umntwana ndimse kwesinye isikolo,” utsho uNdlazi.
Lo mntwana uthi akasazi isizathu sokuba athukwe ngokuthakatha yile titshalakazi, kwaye oku kumenze into yokuhlekisa nakwabanye abantwana, kungoko acele ukuyeka esikolweni kubazali bakhe. NgeCawe yomhla wamashumi amabini anesibhozo kuCanzibe, uMphathiswa weSebe leNtlalontle kweli uBathabile Dlamini, umisele ngokusesikweni iveki yokukhuselwa kwabantwana kwaLanga eKapa.
Ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga kaCanzibe ukuya kumhla wesine kwinyanga yeSilimela, yiveki ebekelwe bucala ukukhuselwa kwabantwana eMzantsi Afrika.
Kubantwana abathathu kweli, omnye kubo ubalixhoba lokuhlukunyezwa ngokudlwengulwa okanye ngezinye iindlela zohlukumezo, itsho ingxelo. Umxholo weli sebe kulo nyaka uthi: “Masikhusele abantwana sise uMzantsi Afrika phambili.” Ukanti iSebe leMfundo eMpuma Koloni, liyayazi ingxaki kaBayanda, othethela eli sebe uMalibongwe Mtima uthi: “Lo mcimbi uphethwe sithi ngoku phaya ephondweni emva kokuba sifumanise ukuba kukho imfuneko yokuba siwuthathe kwisithili saseQonce, apho ubuchazwe khona likhaya nesikolo,” utshilo.
Urhulumente weli umemelela uluntu ukuba lunxibe amalaphu amhlophe ukubonisa inkxaso yabo kwidabi lokukhusela abantwana.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!