Ugxothwe okomshologu usodolophu womasipala waseBCM uAlfred Mtsi ekunye nesekela lakhe uXola Phakathi namagosa aphezulu kulo masipala ngethuba kuqhutywa inkonzo yesikhumbuzo yabasebenzi abahlanu ababhubhe kwingozi yemoto.
Le nkonzo nebiqhutyelwa kumabala emidlalo eQonce ibonakalise ngokumandla ukunganeliseki kwamalungu eSAMWU ziinkokheli zombutho weANC.
Abasebenzi babhentsise ngokumandla ukunganeliseki kwabo ngethuba becelwa ukuba banike iindawo zokuhlala ooceba bombutho weANC.
Lo kaMtsi uhewulwe wade walishiya iqonga ngethuba ebelungiselela ukwenza intetho ephambili kule nkonzo. Abasebenzi abahlanu uElliot Tyesha, uRobert Nogqala, Lazola Masingatha, Vumile Nyangule noZandisile Shwaye babhubhe kwiveki ephelileyo ngethuba besendleleni esinge kwintlaninso yeSAMWU ibibanjelwe eMonti.
Oku kwenzeke kanye ngethuba lo mbutho ububambene ngeempondo kunye nomasipala bezama ukufumana isisombululo kuqhankqalazo obeluqhutywa ngabasebenzi.
Emva kokungenelela kwabakwaCCMA kufikelelwe kwisivumelwano esithe samnkelwa ngabasebenzi.Unobhala wephondo kumbutho weSAMWU uMilton Myolwa ugxothiwe naye eqongeni ngethuba exelela abasebenzi ukuba SAMWU ngumbutho ovotela ANC.
“Ndiyayiqonda ingxaki yabo banomsindo, yilo nto bengakwazanga ukunyamezela usodolophu, mna ke ndinoxanduva lokubacela ukuba bavotele umbutho weANC andisoze ndijike kulo nto,”utshilo uMyola.
Le nkonzo iphinde yanenzolo emva kokuba lo kaMtsi ethe walishiya eli bala ngenxa yokugxothwa ngabasebenzi.Le ngozi yenzeke kuMvulo weveki ephelileyo, kwaye la maxhoba azakungcwatywa ukusukela kule Mpelaveki kwiindawo ezahlukileyo.
Ukanti enye yeenkokheli zalo mbutho uZolani Ndlela nongunobhala wengingqi yase- Buffalo City uthi yilahleko emandla ukushiywa kwabo ngabasebenzi.
“Ngamalungu amadala we- SAMWU la sidibene ngawo apha, kwaye ebethembekile kubulungu bawo, silahlekelwe kakukhulu kukushiywa ngabo,”utshilo uNdlela.
Umasipala waseBCM uvumelene nabasebenzi ukuba bazakuhlawulwa imali ekukudala beyifuna emva kokuvumelana.
“Kwiintsuku ezilishumi elinesine emva kokutyikitya kwethu isivumelwano kulindeleke ukuba iqalise ukungena imali kwiibhanki zabasebenzi,”uthethe watsho uNdlela.
Iintsapho zamaxhoba bezikho ukuza kunika imbeko yokugqibela kubantu bazo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo