Uhamba nini uMakhulu, tat’uMnci?

Ndithe mandibhale imiqolo embalwa kule veki ngomba ekudala ndiwubukele. Injongo kukufuna ulwazi kumntu ophetheyo kwesona sikhululo sosasazo esikhulu apha eMpuma Koloni – uMhlobo Wenene FM, esikhokelwa nguMnu. Phumzile Mnci.

Mandivume kuqala ukuba abaphathi besi sikhululo banelungelo elipheleleyo lokuthatha izigqibo ngokwegunya abalinikwe yiSABC.

Kodwa nakubeni kunjalo – kubalulekile singabantu baseMpuma Koloni nabaphulaphuli ngokubanzi, ukuba sithethe xa kukho engaqondakaliyo. Sekulithuba umakhulu uNomthunzi Vuza obhexesha inkqubo yamakholwa ehleli kwesi sikhululo nangona ixesha lakhe lomhlalaphantsi lafika kudala. Mandiye ngqo apho kufele khona ithole. Uhamba nini umakhulu, tat’uMnci?

Lo mbuzo uphenjelelwa zizinto ezimbini. (i) Ixesha lakhe lokusebenza laphela kudala. (ii) Ndinexhala lokuba umntu olungele ukungena endaweni yakhe singabona sele engekho. Impendulo eqhelekileyo xa kubuzwa ngomama kaMa-Asi ithi: uyathandwa ngabantu futhi nesikhululo sixhathise ngaye kwicala lengeniso.

Eso ingasisizathu abazikhusela ngaso abaphetheyo. Kanti ke uMhlobo Wenene ngeke ufe ngenxa yokungabikho kwakhe ngoba mkhulu ngenxa yabantu abohlukeneyo. Into ebangela ndibhale le ncwadi kukuba [umakhulu lo] uhleli endaweni yomntu omtsha odinga ukunikwa ithuba.

Sinengxaki yabantu abatsha abadinga umsebenzi kweli phondo. Elakhe ithuba lokusebenza walifumana, makadedele abanye ngoku. Phantsi kwesikhokelo sikaMnu. Hlaudi Motsoeneng ebesinebatha nebesikhatshwa kukungabikho kwembeko kwiminyaka edlulileyo, bekukho isicengcelezo esithi: iSABC kufuneka yenze imali ngoba ayixhaswa ngokwaneleyo nguRhulumente.

Umgaqonkqubo weSABC awukatshintshi. Eli qumrhu alifani namanye anenjongo yokwenza ingeniso naphantsi kweziphi na iimeko.

Ngoko ke ingeniso ayinakuba likhakha lezigqibo ezingenabo ubulungisa. Abantu abafana nomama uVuza batyabula iimali ezinkulu ngoba bangabasebenzi abakhethekileyo.

Into ebangela ndingasiva kakuhle isizathu sokumgcina umakhulu kukuba kudala umntu onokungena endaweni ekhona kuMhlobo Wenene. Ixhala lam kengoku kukuba sakumbona ethe shwaka naye ngoba kukho umkhuba ombi wokugxotha ulutsha owenziwa ngabaphetheyo kuMhlobo Wenene.

Kulula ke ukuthi kuphele ixesha lesivumelwano sengqesho kungabikho ngcaciso eyamkelekileyo emva koko.

UBlaq Maci noZintle Mbusi ngabanye babasasazi abakwaziyo ukwenza umsebenzi abalahliweyo sesi sikhululo kutshanje. Abantu bayambombozela futhi bathetha izinto ezininzi ngoba abaxelelwa ukuba kutheni belahliwe.

Uhanjiswa njani uZintle owaqeshwa ngabaphulaphuli kungabikho ngcaciso? Yingxoxo yelinye ixesha kodwa leyo.

Umntu okudala eyimamela iwayilese angazibuza ukuba kutheni kulahlwa abasasazi bokwenene kugcinwe abantu abangagqibelelanga kwezosasazo nabafika izolo – iindawo zabo ezinokuvalwa lula xa abaphathi befuna?

Enye into ecubhulayo yile yabasasazi ababhexesha iinkqubo ezininzi – kodwa bayagxothwa abanye. Kunokwenzeka kukho into endingayaziyo abangayenzanga kakuhle ngaphakathi aba bantu ndikhankanye amagama wabo – kodwa ke ndingaphinde ndibuze: ingaba izono zabo zingaphezulu kwabanye abasasazi abayekiweyo besenza izinto ezingamkelekanga emoyeni ixesha elide simamele?

Abanye bayahamba bayokulungisa iingxaki zabo zobom, baphinde babuyele emsebenzini. Kungakuhle ukuva impendulo eyanelisayo ngoba umntu ojonga ezi izinto ekude njengam angatsho abone ukuba [ngokwenene] uMhlobo Wenene FM yindawo ebaphatha kakuhle abantu futhi eyenza izinto ngendlela evulelekileyo ebantwini.

Iinkqubo ezithandwayo kuMhlobo Wenene ziliqela. Zonke ziyalandelwa kuba kukho intsebenziswano yabasebenzi bonke ngaphakathi kunye nabaphulaphuli.

Ndizama ukuthi xa abaphathi becacisa ebantwini ukuba ixesha lenguqu lifikile, akukho nto eza kubangela bangeva xa kusithiwa ixesha likamakhulu uVuza lokuhamba lifikile.

UNomonde Vakalisa ukulungele ukubhexesha inkqubo ethi: “LelikaYehova iHlabathi neNzaliseko Yalo.” Ukusebenza kwakhe kuyo [inkqubo] njengomqulunqi yaba sisigqibo esichanekileyo – kodwa ke ngoku akukho sizathu sakumbambezela ngenxa yomntu omdala. Ndiyavuma umkhoka unawo uMakhulu – kodwa asinakubambelela kulo nto naphakade.

Esi sikhululo sesabantu bonke. Sinoxanduva lokunika abantu belizwe amathuba wokusebenza afanayo nokukhula ngaphandle kokwenzelelelana.

Andithethi kuba kukho umntu othe kukho ukwenzelelelwa kwabantu abathile – kodwa indlela abanye abantu abaphathwa ngayo emehlweni wethu ithi kukho ukungalinganiswa kwabantu.

Kunokwenzeka naye uNomonde kuthiwe isivumelwano sakhe sengqesho siphelelwe, angangeni endaweni emfaneleyo. Kutheni enganikwa ithuba?

Emva kwexesha elide esenza iMvuselelo nomfundisi uFaleni, yintoni le angayaziyo ngoku?

Abaphathi boMhlobo Wenene FM banethamsanqa ngoba bakhokela izigidi ezihlanu zabaphulaphuli abavuma yonke into futhi abasebenziseka lula xa isikhululo sifuna.

Mhlawumbi, bayazi ukuba abazukuhoywa. Nditsho kuba abantu abasezikhundleni ezinamandla bawasebenzisa gwenxa amandla okanye izikhundla ngamanye amaxesha.

Ndifuna ukubacela abantu ukuba bazigade izinto ezibalulekileyo kubo njengoMhlobo Wenene futhi bazifundise ukuxoxa ngawo nezinto ezenzeka kuwo.

Umsebenzi wabo ayikokuvota nokumamela qha. Mabaqinisekise ukuba abantu baphathwa kakuhle, ngokulinganayo – kanye ngokwendlela umgaqosiseko ofuna ngayo ngoba uMhlobo Wenene ubaluleke kakhulu kwintlalo yethu singabantu.

Ezi zizimvo zam njengomxhasi nomphulaphuli woMhlobo. Aziphenjelelwanga yintiyo – ndixhokonxa ingxoxo ngesi sikhululo esibalulekileyo entlalweni yoluntu.