Ingxelo yeInteractive Advertising Bureau (IAB) ithi unomathotholo uhamba phambili ngokumanyelwa kweli loMzantsi Afrika xa kuthelekiswa nakwihlabathi.
Le ngxelo ithi unomathotholo kudala emanyelwa kweli, kodwa ngoku abantu baneendlela ezininzi zokumamela unomathotholo. UChris Borain weIAB uthi uluntu luxhamla kwiindlela zalamaxesha ukufumana amaza omoya.
“Abasekho oonomathotholo ababemanyelwa kumakhaya, okanye ezo zaziphathwa umntu ehamba nayo esithubeni, abantu bamamela amajelo oonomathotholo ngokusebenzisa iindlela zalamaxesha,” kuthetha uBorain.
Uthi oku kwenza ukuba abantu bamamele unomathotholo naphi, nanini xa befuna ukumamela.
“Oku ungakuqaphela ngexesha apho ilizwe belihlaselwe sisifo seKhorona, ulwazi luhambe kakhulu ngokusebenzisa unomathotholo,” kutsho uBorain.
“Ukuxinwa yimithetho yeKhorona kwenza ukuba uluntu leli lithembele kunomathotholo nezinye iindlela zolwazi,” kutsho uBorain.
Abantu bamazwe ehlabathi basebenzisa ezinye iindlela ezenza ukuba bangaboni sizathu sokuxhomekeka kunomathotholo.
Unomathotholo wagaleleka kweli loMzantsi Afrika ngeminyaka yoo1800. Ukunikwa ithuba lokuba unomathotholo asasaze ngeelwimi zemveli zeli kwabengela ukukhula okumandla kweli qonga lonxibelelwano.
Kunamhlanje ilizwe loMzantsi Afrika linamajelo afikelela kuzo zonke iimbombo zelizwe kuquka nasemaphandleni. Ngonyaka ka1993 kwapasiswa umthetho owagunyazisa ukuba kuvulwe amaziko asekuhlaleni.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!