Uhambo nothando olutsha lukaDon Laka

Licwecwe lakhe leshumi elinesixhenxe ukusukela oko wathi washicilela ngo1972, kodwa endaweni yokuphumla uDon Laka usaqhuba nomculo kwaye sele ekwazifumanele nothando lwakhe olutsha lokubhala iincwadi.

Kutshanje uLaka ukhuphe icwecwe lakhe elitsha elithi Passion. ULaka uthi icwecwe lakhe yingqokelela yeengoma ezimnandi.

“Lindithathe iminyaka esibhozo ukulenza kwaye ingumnikelo kwigalelo likamama wam osandula ukugqiba iminyaka engamashumi alithoba,” utshilo uLaka.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa malunga nohambo lwakhe kumculo, uLaka uthe: “Luhambo olunika umdla kakhulu kuba ndikwazile ukuzenzela umculo ngale ndlela ndiyifunayo ngaphandle kokulandela abanye abantu. Ndaziqalela uhlobo lomculo womngqungqo, iKwai-Jazz.”

“Ngexesha ndiqala iKwai-Jazz, zazingekho okanye zazimbalwa kakhulu iinkampani ezishicilela umculo womngqungqo. Iqela endandidlala nalo iSakhile yayilelinye lamaqela okugqibela ukushicilela umculo womngqungqo, emva koko kwathiwa awuthengisi lo mculo,” utshilo uLaka, othi waqala ukushicilela ngo1972.

Uthi umculo womngqungqo ukhe wafumana ukungahoywa ziinkampani zoshicilelo.

“Ndingatsho ukuba ndaba ngamntu wokuqala ukuphelisa into yokunqongophala kweenkampani ezishicilela umculo womngqungqo. Kwakukho into yokuba umculo womngqungqo awuthengisi, into endingayaziyo ukuba yayivela kubani.”

Simbuza malunga nekamva lomculo kweli lizwe, eli gqala lithe: “Andingomntu othandayo ukugxeka umculo wabanye abantu kodwa ndingatsho ndithi umculo, kwihlabathi liphela, ukwimo engentlanga ingakumbi kule minyaka ilishumi idlulileyo. Ingxaki sineemvumi ezingakwazi ukucula kwaneemvumi ezingakwazi kusebenzisa zixhobo zomculo. Yingxaki esinayo leyo.”

Ngaphandle komculo, uLaka uthi ufumane uyolo kuncwadi. Sele ekhuphe incwadi ethi, Reintroduction to African History, kwaye sithetha nje uxakekile kwincwadi ethi, Breaking Colonial Mindset.

Icwecwe likaDon Laka liyafumaneka kumnatha (online) kwanakwiivenkile ezithengisa umculo.