UMphathiswa weSebe lezoRhulumento neMicimbi yeMveli (CoGTA), uVelenkosini Hlabisa, uzibandakanye noluntu lwelali yasePhamotse eMatatiele eMpuma Koloni, ngethuba besamkela abafana abavela esuthwini abakwikhulu elineshumi elinesine (114) kule mpelaveki iphelileyo.
UMphathiswa uHlabisa ebephelekwe nguMphathiswa weCoGTA weMpuma Koloni, uZolile Williams, kwakunye neenkokeli zomasipala waseMatatiele neenkosi zemveli zengingqi ezingqongileyo.
UHlabisa ugxininise ngelithi ukubuya ngokukhuselekileyo kwabafana abakwikhulu elineshumi elinesine (114) kuthetha ukuba kunokwenzeka bonke abasesuthwini kwilizwe liphela babuyele kumakhaya abo bekhuselekile.
“Sonke sifanele ukuba sikhuthazeke ukuba sizibandakanye njengabachaphazelekayo ekufumaneni isisombululo sexesha elide esiya kuqinisekisa ukubuya ngokukhuselekileyo kwabakhwetha bethu. Ukubuya ngokukhuselekileyo kwabakhwetha naphi na kwilizwe liphela kuqinisekisa ukuba isiko lethu alibulali.
“Kufuneka sisebenzise impumelelo efana nale siyibhiyozelayo eMatatiele namhlanje [ngeCawe] njengesifundo esibalulekileyo ekufuneka sifunde kuso, njengoko sisenza eli siko libalulekileyo lakudala nekufuneka likhuselwe,” utshilo uHlabisa.
Uchaze abakhwetha abathe bangena ebudodeni “njengeqhayiya lesiko nenkcubeko”.
“Kufuneka sidibane sonke sibonise ukuba asizukunyamezela ukubhubha kwabakhwetha. Oku kuthetha ukuba ukuya phambili, ayinakuba yinto yesiqhelo,” ugxininise watsho.
UHlabisa ulumkise abo bathe gqolo ukungahloniphi isiko nokungakhathaleli imimiselo nemiqathango, njengoko iqulethwe kumthetho iCustomary Initiation Act. Uthe baza kujongana nengalo yomthetho.
UMphathiswa uphinde wadlulisa amazwi ovelwano, egameni likarhulumente, kwiintsapho eziphulukene nabantwana emva kokubhubha kwabakhwetha abangamashumi amabini anesibhozo (28) ubuncinane kweli phondo.
UMphathiswa uWilliams wabelane ngezimvo ezifanayo nezo zoMphathiswa uHlabisa, esithi ukuze kuqinisekiswe ukuba amaxesha olwaluko akhuselekile, kuya kuthatha inxaxheba yabo bonke abathathi-nxaxheba kunye nabachaphazelekayo.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!