“Oomama bathwala abantwana iinyanga ezilithoba, babakhulise bade bafike kwixesha lokwaluka. Emva koko babanike ootata ukuze babenze amadoda. Into eyenzekayo kukuba abantwana babuya bebhubhile,” utshilo uMphathiswa woRhulumento olubambiseneyo nemiba yeeNkosi, uMnu. Velenkosini Hlabisa.
UMphathiswa ukuthethe oku ngethuba evula intlanganiso ebekugwadlwa kuyo iingxaki zolwaluko namhlanje eMonti. Intlanganiso ikhwetywe nguMphathiswa kuba efuna kukhangelwe indlela yokuphepha ukusweleka kwabakhwetha okuxakileyo kwiphondo leMpuma Koloni. Yiminyaka urhulumente ezama – kodwa akukho mahluko.
Kunyaka ka2024, ngamashumi amathathu anesixhenxe abakhwetha abaswelekileyo kwisizini yaphakathi enyakeni neyasekupheleni konyaka. Uthe theca ingxelo yeminyaka esibhozo ebonise inani eliphezulu lokulahleka kwemiphefumlo nokonzakala kwabafana. “Ulwaluko yinxalenye yenkcubeko yethu ekufanele ikhuselwe ukuze isetyenziswe nazizizukulwana ezizayo.
“Inkcubeko yethu ixela abantu esingabo. Kodwa inkcubeko akufanelanga idale imo yonxunguphalo unyaka emva komnye unyaka. Ukuba isiko lesiNtu lenza kubekho inyhikityha yokufa, kufanele lijongwe ngenye indlela. Kufuneka yenziwe lo nto ngenjongo yokubhentsisa ingxaki futhi ilungise.
“Urhulumente unoxanduva lokukhusela ubomi babantu njengoko kubhaliwe kumgaqosiseko welizwe lethu. Okwenzekayo kusiphatha kakubi. Eminyakeni esibhozo edlulileyo, kubhubhe abakhwetha abangamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe ananye (371).
“Ikhulu elineshumi labakhwethwa liphulukene nelungu lobudoda. Le ntlanganiso ziinzame zokuphakamisa isiko lokwaluka futhi silukhusele. Kodwa ingxaki ekhoyo kukuba abazali baphulukana nabantwana babo,” utshilo uMphathiswa ethetha eMonti. Intlanganiso eza kulungiselela ulwaluko lwasebusika iza kubanjwa kwinyanga ezayo.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!