Uhlahlo lwabiwo-mali lwaphakathi enyakeni

“Ibingawona maxesha amnandi, ibingawona maxesha mabi, ibingamaxesha obulumko, ikwangamaxesha obudenge…” uqhabalake watsho uMphathiswa weziMali, uTito Mboweni, eboleka kumbhali uCharles Dickens.

Ubani nobani bangathi ebekwekwa abo baza phambi kwakhe; ingakumbi kwicala lamaxesha amabi nawobudenge.

Le ntetho kaMboweni yohlahlo lwabiwomali yaphakathi enyakeni iza ngexesha apho sonke sikhala kanobom ngamaxabiso athe xhaxhe kweli laseMzantsi Afrika.

Ibingeyontetho anokwenza zibhengezo zinkulu kuyo, leyo intetho iyakulandela kweyoMdumba kulo nyaka uzayo. Nangona kunjalo uzamile unkabi, kwaye ukuba siphulaphule kakuhle uyabona ukuba uMphathiswa lo uyazithanda iinkampani zabucala.

Ehleli nje ugxininisa intsebenziswano phakathi kwee-arhente zikarhulumente kunye neenkampani zabucala. OoEskom, SARS, SAA, Transnet, mabalindele iinguqu kwindlela abasebenza ngayo.

Abo basebenzela urhulumente bona maboyike mpela ngoba uninzi lolwabiwomali kumacandelo ngamacandelo karhulumente aya kwimirholo yabasebenzi; into engapha kwamashumi amathandathu kwikhulu (60%) iya kwimirholo. Ishiye nje imalana yokwenza imisebenzi.

Oomasipala ngabona singathi bafuna ukunikwa ingqwalasela ngoba imali itshona pha, urhwaphilizo lugcwele pha kwaye uninzi lwabo abanabo noomanejala bezimali abafanelekileyo ngaphakathi. Ingxaki ikhona.

Umphathiswa simve ethinta nomba wokuguqula indlela iimali zenkamnkam ezisebenza ngayo. Masithembe ukuba akuzokubethakala bantu baninzi, kodwa siyavuya xa esahleli kwelokuba uninzi lwemali yonyaka ozayo iza kuya kwezemfundo, ezempilo kunye nezentlalontle.

Abo bafunyenwe benetyala lokurhwaphiliza imali kufuneka bafakwe kwizisele ezimnyama ke bona.

Nezicelo zabantu, ezifakwe kumakhasi omnatha onxibelelwano sizatyelwe; umzekelo iiphedzi zamanina azizokutsalelwa rhafu, umgubo wokuxova nawo uza kufumana esi saphulelo, njalo njalo. Kodwa zona iirhafu zeendlela zakuhlala zihleli. Ininzi into; uninzi lwayo luyathembisa. Sakuhlala kwelo themba ke, de kube yeyoMdumba 2019.