Uhlahlo lwabiwomali luhlelelwe amahlwempu

UMphathiswa wezeMali uTito Mboweni ekunye negqiza lakhe begaleleka ePalamente kuhlahlo lwabiwomali umfanekiso: Courtney Africa/African News Agency(ANA)

UMphathiswa wezeMali uTito Mboweni uthi ukunganyuswa kakhulu kwerhafu kuhlahlo lwabiwomali lwakhe alwenze ePalamente izolo, ziinzame zikarhulumente zokukhusela amahlwempu.

Oku kuquka ukuthotywa kwerhafu kubantu abanemivuzo ephantsi, ukungafakwa kwerhafu kutywala obufana namakhamba kwanokunyuswa kwemali yendodla.

“Utitshala orhola iR460 000 ngonyaka, uza kubona irhafu yakhe isehla ngeR3 400 ngonyaka. Umntu ohlawula irhafu, esamkela iR265 000 ngonyaka, uza kubona irhafu yakhe isehla ngeR1 500 ngonyaka. Umntu orhola iR10 000 ngenyanga uza kubona irhafu isehla ngomyinge weshumi ekhulwini (10%),” utshilo uMboweni.

Kwindodla yabantu abadala, abakhubazekileyo kwanabo baxhomekeke kwabanye, uMboweni ufake iR80 ukuze ibeyiR1 860 ngenyanga. Kwindodla yamagqala omkhosi kufakwe iR80 ukuze ibeyiR1 880 ngenyanga. Kwindodla yabantwana abangenabazali, kufakwe iR40 ukuze ibeyiR1 040 ngenyanga. Yona indodla yabantwana inyuswe ngeR20 ukuze ibeyiR445 ngenyanga.

Kodwa abo baselayo kwanabatshayayo abasindanga. Apha kuquka nabo batshaya iHookah.

UMboweni uthi urhulumente uza kuqala ukufaka irhafu kwabatshaya iHookah.

Isigarethi (kwipakethi ena-20) yona iza kwenyuka nge74c, logama icuba (tobacco) liza kwenyuka nge40c ze iCigar yenyuke ngeR6.73.

Utywala buza kwenyuka ngolu hlobo: Ibhiya okanye iCider eyi340ml (8c), ibhotile yewayini (14c), iwayini ehlwahlwazayo (16c), igrangqa (R2.89).

UMboweni uthi kwezi nyanga zilishumi elinesithandathu zizayo, uqoqosho lwelizwe kulindeleke ukuba libengcono.