Uhlalutyo lwengqokelela yemibongo kwincwadi ethi Izenjana

Ingqokelela yemibongo kaLungisile Goodwell Mselana kwincwadi yakhe ethi “Izenjana” ibonisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba uyimbongi yosiba ngenene.

Imbongi ngumntu odalwe ukuba axhobise, alumnkise, afundise ekwasisisele senyathi ukuze imbali nolwazi lesizwe lungalahleki iimbongi zikhona.

Le ncwadi imumethe imibongo ezivelela phantse zonke iinkalo zentlalo ngee njongo zokuba abantu baxhamle okuthile xa begqiba kufunda le ncwadi. Le mibongo ithetha ngeemeko zentlalo kule mibongo uMselana uyayala, uyakhuthaza, uyalumnkisa lo gama eminye ithetha ngendalo eminye ithetha ngemicimbi yenkolo.

Kumbongo wakhe othi “Ikratshi” uyichaza ikratshi athi:

Ngumdints’onetyheneba

Nguval’indlela yamazulu

Ngumthobi othob’izidima zamanene namanenekazi

Ikratshi lizal’impakamo engenasizathu

Umbongo othi “Umona” nalo uthi “Umsindo” bubungqina bokuba indlela abhala ngayo lo mbhali ngenene yileyo ijoliswe ukuguqula iimpilo zabantu, kuba abantu bangamaxhoba omsindo nomona imihla ngemihla.

Ungamva xa ebhodla kumbongo wakhe othi “Umkhohlisi” unabisa apha ngamandla iimvakalelo zakhe malunga nobuxoki obusetyenziswa ngabo bathi bakhohlise abantu entlalweni.

Umselana uthi ubhale incwadi yakhe yokuqala emva kwexesha elide enyamezele iqanda litshisa ngaphakathi lisithi makabhale.

”Kudala, le nto ikum, qha ndingayazi ukuba mandithini ngayo, ndingazazi nokuba ndingumbhali ingakumbi ngexesha lemidlalo yamakhwenkwe ekwaluseni,”utshilo uMselana. Uthi ukhuthazwe ngunjingalwazi uPeter Tshobisa Mtuze ukuba azibone ebhala eyakhe incwadi. “Ngoyena mbhali ebendisithi xa ndifunda imibhalo yakhe ndizibone ndikwenye imeko, ndizithanda kakhulu iincwadi zikaMtuze zisandikhuthaza nanamhlanje oku,”ucacise watsho uMselana.

Lo mbhali uneenjongo ezibanzi ngokubhala kwakhe ngolwimi lesiXhosa. “Ndijonge ukubhala incwadi yamabali amafutshane ukusukela ngoku, kuba zinqabile iincwadi zamabali amafutshane kula maxesha,”uthethe watsho uMselana. Uthi akananjongo zokuphinda ayeke ukubhala ingakumbi ngolwimi lesiXhosa.

Liyakhula inani labantu abatsha ababonisa umdla wabo kulwimi lesiXhosa ngokulibhala, ukulifunda nokwenza izifundo eziphezulu ngolu lwimi.

Kutshanje, ngoogqirha abathandathu abangamanenekazi abathe bathweswa izidanga zobugqirha kulwimi lesiXhosa kwiyunivesithi yaseNelson Mandela Metropolitan Univesirty. Ethetha nephephandaba I’solezwe ekuqaleni kwale nyanga unjingalwazi uP. T, Mtuze uthi abantu abatsha mabanikwe ithuba kwiinkqubo zokuphuhlisa ulwimi lesiXhosa.”

Ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba kwisiXhosa kufuneka ukuba kubuzwe kubo ukuba bafuna kwenziwe ntoni ukuphuhlisa ulwimi lesiXhosa, singenzi le nto sicinga ukuba bayayithanda kube kungenjalo,” watsho uMtuze. Umbhali wale ncwadi uLungisile Mselana yinzalelwane yaseZihlahleni eDebe Nek eQonce.