Uhlaselelwe ukuba geyi umdlali weqonga!

USisonke Yafele esibhedlele emva kokubethwa kuba egay umfanekiso: Sue Mclennan

Amapolisa aseMakhanda afunge amunc’ iintupha esithi aza kubagibisela emjiva abo bathe bahlasela umdlali weqonga obalaseleyo walapho, uSisonke Yafele, kwilokishi yaseTantyi ekuseni ngeCawa.

Kukho umrhano wokuba uYafele uhlaselwe ngenxa yokuthandana namanye amadoda. Amapolisa khange ambize ngegama uYafele kwingxelo yawo, kodwa yena uzichaze ngokwakhe koonondaba.

“Andikwazi ukuthula ndingathethi ngale nto. Ndifuna abantu bazi ukuba siphila ubomi obunjani,” uYafele utshilo.

UYafele uthi uhlaselwe ligquba labantu abe bembukula ngobuni bakhe kwaye ukholelwa ukuba banentiyo ngakubantu abathandana besisini esifanayo.

Esi sehlo senzeke kude kufuphi nalapho omnye umdlali weqonga okwasisihlobo sikaYafele, uAyanda Nondlwana, wagetyengwa khona kwinyanga ephelileyo.

UYafele noNondlwana basebenze kunye kumdlalo weqonga oyimbalasane, iWaterline and Falling off the Horn noboniswe kuMnyhadala weNkcubeko eMakhanda nakwiCape Town Fringe. Baphinde bazenzela udumo kumdlalo obizwa iGruffalo – oyinguqulelo yesiXhosa yomdlalo wesiNgesi iThe Gruffalo.

UYafele uthi uchithe ixesha ebukele umdlalo weNdebe yeHlabathi nezihlobo zakhe kwithaveni eseJ Street. Emva komdlalo bathe besendleleni egodukayo bagagana negquba labantu, kuphume indoda enye kubo yaqalisa ukubafaka induku bengenzanga nto. Kuqale isiwiliwili kwabe sekungenelela nababukeli kunye, uYafele nezihlobo bazame ukuqhwesha kodwa eli gquba libongamele.

“Ndibeve kakuhle besithi baza kundibetha kuphele ubugeyi apha kum. Indlela ebebethetha ngayo ngam ibonisa ukuba ngabantu abandaziyo aba,” utsho uYafele.

Ngethuba bemngomba ngamanqindi bezama nokumxabela ngezembe emlenzeni, uYafele uve bembiza ngamagama anyelisayo afana noo “Mofi” ne“Sitabane”.

“Siza kukubetha uyiyeke le nto!” uthi la madoda avakale esitsho.

“Bakwathe, ‘Uza kulandela itshomi yakho’ (bebhekisa kuNondlwana). Bathe ‘namhlanje yimini yakho yokugqibela’. Bebefuna ukundibulala,” uYafele ubalise watsho.

Omnye wabantu abe bekhona ngethuba kubethwa uYafele uthi uye watsalelwa kumzi okufuphi apho.

“Benze oku kuba befuna ukutyhola uYafele ngelithi nguye oqale umlo. Baqhubeke bembetha bekwamxabela ngezembe emlenzeni wade waphelelwa ngamandla,” utshilo lo mhlali ungafunanga lipapashwe igama lakhe.

Omnye wezihlobokazi zikaYafele uye wazama ukunqanda ngokuthi alale phezu kwakhe ngethuba la madoda ehlasela.

“Naye bambethile kakhulu phambi kokuba basiyeke. Nezinye iitshomi zethu zibhonte ngamanxeba kwaye basothukile lolu hlaselo,” uYafele utsho.

Ukanti oogxa bakaYafele bathi baphila ubomi bentshontsho ngoku kwaye bathi kukho nezigrogriso zokubulawa abazifumanayo.

Isithethi samaPolisa uKapteni Khaya Tonjeni khange ambize ngegama uYafele kwingxelo yakhe, kodwa usingqinile isehlo sokuhlaselwa kwendoda eVictoria Road.

“Akukabanjwa mntu okwangoku, uphando lona lusaqhutywa,” uTonjeni utshilo.

“Amapolisa azigxeka kakhulu izenzo eziphenjelelwa yintiyo ngakubuni bomntu, inkolo okanye uluvo lwakhe. Ngokomgaqosiseko welizwe wonke umntu uyalingana. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba abo babandakanyekayo kwesi sehlo senkohlakalo bayavalelwa,” utshilo.