Uhlatywe wakhutshwa amathumbu ngama-28

Inkundla yengingqi yaseMthatha ive ukuba uLubabalo Vukulwana (26) welali iNgweni kufuphi neSakhela eMthatha, wabulawa ngenxa yokuba ababulali bakhe babefuna ukubonisa ukuba aphila njani ama-28.

UVukulwana wabulawa kwikhaya lakhe, emva kokuhlatywa waze waqangqululwa isibhokhwe.

La madoda uKhusela Mkhuliswa (21) no-Unathi Sititshi (21), bebevele enkundleni yengingqi eMthatha ngoMvulo ngeliyofaka isicelo sebheyile, logama abatyholwa naye uMasixole Silo (26) waphuma ngebheyile kwiveki ezimbini ezidlulileyo.

Ingxelo zithi abarhanelwa babesela utywala nexhoba (uLubabalo Vukulwana), baze bamhlaba kumzimba ongentla, bamqhawula umqala okwebhokhwe bandula ukumqangqulula bamkhupha amathumbu nentliziyo. Esi sehlo senzeka kwikhaya likaVukulwana.

Injongo zolugebengo yayikukufundisa uMasixole Silo ukuba liphila njani i28 (uhlobo lwabantu abakhohlakeleyo, abanesisekelo sasejele). Amatyala ajongene nabarhanelwa asixhenxe ubuncinane, aquka ukubulala, ukuzama ukubulala, ukuzama ukudlwengula, ukuxhomisa kuxhotyiwe kabini, ukuphazamisa ingalo yomthetho namanye.

Ngethuba bevela enkundleni, uThembisa Ntloko ongumtshutshisi uxelele inkundla ukuba, amatyala enziwe ngabarhanelwa anobuzaza kwaye bayasichasa isicelo sebheyile bengumbuso.

Umphandi wetyala uZandisile Baliso, uxelele inkundla ukuba abarhanelwa mabangayinikwa ibheyile ngenxa yobuzaza betyala abajongene nalo, kwaye uMkhuliswa akaqali ukubulala umntu nanjengoko wayekhe wagwetywa ngo2013, ekwajongene namanye amatyala ongezelelekileyo aquka ukudlwengula, ukubaleka ejele.

Ukanti ukwathe uSititshi naye unamanye amatyala awaxoxayo aquka ukuhlaba umntu. Kwangobusuku bunye, abarhanelwa bangena kulo Ntombovuyo Mfeya bamhlaba amanxeba asixhenxe ekunye nesinqandamathe sakhe bathatha nonomyayi abaliqela.

Ngenxa yokuphela kwexesha, igqwetha labarhanelwa uBuntu Qakumbana, ucele eli tyala limiselwe umhla weshumi elinanye kwinyanga ezayo. UMantyi uGugulethu Namba kunye nomtshutshisi uThembisa Ntloko, bavumelene ngalo mhla. Kusenjalo usapho lukaVukulwana owaxhelwayo okwebhokhwe luthi alukaxoli nangalomzuzu.

UNomazaza Vukulwana olilungu losapho uthe: “Sisaxhelekile kakhulu yindlela awabulawa ngayo umntwana wethu. Asirhaleli baphume abarhanelwa benza isikizi elibi.”