Uhlolozimvo ngeGqeberha lenziwa, lapapashwa nakumajelo eendaba

ISEBE lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni lithi uhlolozimvo malunga nokutshintshwa kwamagama eNelson Mandela Bay, lwalenziwe izihlandlo ngezizandlo, futhi lalipapashwe nakumajelo eendaba.

Oku kuza emva kwesankxwe sabantu kulandela isigqibo esithatyathwe ngurhulumente kazwelonke malunga nokutshintshwa kwePort Elizabeth ibizwe njengeGqeberha. Ukanti nePort Elizabeth International Airport itshintshiwe, ngoku ibizwa njengeDawid Stuurman International Airport.

IGqeberha ligama lomgquba lomlambo wesi sixeko iBaakens, logama uDawid Stuurman wayelitshantliziyo nenkosi yamaKhoi eyabhubhela elubhacweni eAustralia kulandela ukuvalelwa eRobben Island.

La Elizabeth kaPort Elizabeth usukela kwigama lomfazi wenqarhuba yaseBhritane, uRufane Donkin. Umfazi kaRufane, uElizabeth Donkin, wabhubhela eIndia. Kuthwa oko kwamkhathaza kakhulu uRufane de ngonyaka ka1820 wathiya izibuko lonxweme iAlgoa Bay, njengePort Elizabeth. Ngelo xesha, lo kaDonkin wayebambele njengerhuluneli yaseCape Colony.

Isebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, likwamkele ukutshintshwa kwala magama, lisithi oku ayikokutshintshwa nje kwamagama, koko kukubuyisa ubunini beli lizwe.

Umphathiswa uFezeka Nkomonye Umfanekiso: BHEKI RADEBE

“Akufunekanga siwubethe ngoyaba umbandela wokulungisa ubugwenxa obenziwe kumaxesha adlulileyo. Mandiyigxininise eyokuba akukho mali ebekelwe ukusiwa kweenkonzo eluntwini, enakuthathwa isetyenziselwe ukutshintshwa kwamagama. Isebe lisebenzisa imali eliyabelwe ukwenza le nkqubo,” utshilo uNkomonye.

Isebe lithi uhlolozimvo malunga nokutshintshwa kwamagama aseNelson Mandela Bay, luqale ngo2018, ze lenziwa izihlandlo ezihlanu eGqeberha, kwaye futhi lalipapashwe kumajelo eendaba afana neSABC, I’solezwe lesiXhosa, Herald, Daily Dispatch neBay TV.

Umbutho iDA uthe uza kubhalela ePalamente ukuze uve eyona ngcombolo ecace gca malunga.