UHlubi Mboya uzakudlala kwi-It’s Complicated!

USeason 2 womdlalo kamabonakude * -It’sComplicated ngathi uza kakuhle, kwaye uthe gqolo ukongeza abadlali abatsha.

Ababukeli bayilinde ngomonde isizini entsha ka-It’s Complicated. Lo mdlalo weMzansi Magic, nekudlala kuye abadlali abadumileyo abafana noFikile Mthwalo-Kani kunye noSiyabonga Radebe, kungoku nje wongeze noHlubi Mboya kuluhlu lwawo lwabadlali.

UMboya, nowayefudula edlala indima kaNandipha kumdlalo we-SABC 3 iSidingo, wabelene ngemifanekiso yangaphaya komkhusane, kwaye kumbhalo awubhale kule mifanekiso, usikrobisile ukuba uzakudlala indawo kagqirha ongumtyandi.

UMboya uthe “uzakudlala indawo kaSurgeon Moloi.” Inokuba bethu luhlobo luni lomlinganiswa ozakudlalwa nguMboya? Masilinde ke ukuze sizibonele! -Simphiwe Freddie