UHolomisa ugayele inkxaso iUDM eNgcobo

Inkokeli yombutho iUDM uNjengele Bantu Holomisa undwendwele iNgcobo kwilali iZabasa apho azise ngokusesikweni abagqatswa balo mbutho kwiiwadi ezintathu.

UHolomisa uthi umbutho olawulayo uzenzile iinguqu kodwa oko akwanelanga, ngako oko kuyanyanzeleka ukuba kutshintshwe indlela yokwenza.

Le nkokeli ithi ziliqela izinto ekufuneka zilungisiwe, ulawulo olutenxileyo lutshabalalisa ikamva lelizwe. I-UDM igxile kumongo othi makubekwe abahlali phambili.

UHolomisa uyigxininisile into yokuba ooceba babo bangayenzi impazamo yokuthembisa abantu ukuguqula amatye abe zizonka ngokwenza njalo bazakube abohlukanga kwiinkokheli ezikulawulo ngoku.

Owaziswe njengomgqatswa kuWadi 17 uNkosinathi Qubuda uthi indawo yakhe yaseZabasa nengqongwe ziintaba yenye yeendawo ezalityalwayo ngabasemagunyeni, kwa umbane okule lali uhamba uqhawuke ungafikeleleli kwabanye abantu.

Batyhola ngelithi kulungiselelwa abantu abathile bodwa. Ngenxa yobubi bendlela kwindawo yaseZabasa xa kunetha imvula kubanzima ukuba abantu baye edolophini akuhambeki.

UHolomisa ukhuthaza abagqatswa bombutho wakhe ukuba maxa onke abantu mabakwazi ukufikelela kubo.

Uwugxeka kakhulu umkhwa wooceba abathi bakonyulwa balibale izithembiso abazenza ebantwini baphume ezilalini bayokuhlala ezidolophini ezinkulu.

Ukwathi inyaniso engenakungxengwa kukuba abantu abanako ukuqeshwa ngumasipala bonke, kodwa uceba unoxanduva lokuncedisa ulutsha lwendawo yakhe ngokubathengela amaphephandaba apapasha imisebenzi libekwe kwindawo abazakufikelela kuyo bonke.

Abaxhasi balo mbutho bazifumanele ithuba lokuvakalisa ezinye zezikhalo zabo kuHolomisa nothembise ngokuzisa iliso, watsho ebacela ukuba bavotele lo mbutho kulonyulo olujongwe ngamehlo abomvu kwiveki ezayo.

isibhalo@inl.co.za