USekela Mphathiswa wesebe lezomkhosi uNjengele Bantu Holomisa usola urhulumente ngokucutha imali yomkhosi welizwe loMzantsi Afrika (SANDF) isithuba esingaphaya kweminyaka elishumi, nto leyo akholelwa ukuba ikhokelele ekubeni imeko yomkhosi ibembi.
NgoLwesibini, iSANDF iqinisekise ukuba amanye amajoni amane abulewe kumlo ochasene nabavukeli abaxhaswa yiRwanda, iM23, nto leyo ibeka inani liye kutsho kwishumi elinesithathu. Abanye abaninzi baye benzakala.
UHolomisa ebephendula kwingxelo yokubhubha kwamajoni eDemocratic Republic of Congo (DRC) kwaye ugxininise ukuba kufuneka uhlahlo lwabiwo-mali olungcono ukugcina amandla nozinzo lomkhosi.
Ukusilela ukugcina izixhobo ezifunekayo koko uHolomisa uthe kube negalelo kwimeko yomkhosi.
“Sonke kufuneka sikhumbule ukuba iimpawu zokuba iSANDF iyasokola ziye zabonakala kule minyaka ilishumi okanye elishumi elinesihlanu edlulileyo. Ukucuthwa kwemali yeSANDF kukhokelele ekubeni sithi asinakuqinisekisa ngemeko yokulungela kwamajoni ethu.
“Siyasokola ukugcina inqwelomoya efana neehelikopta ezihlala zikhusela amajoni ethu xa ehlaselwa,” utshilo.
USekela Mphathiswa unqwenelele ukuba ikhabhinethi kunye nengxowa kazwelonke bancede baqinisekise ukuba imeko yomkhosi ibuyiselwe ibe ngcono.
“Ndiyavuya kuba uMongameli Cyril Ramaphosa ethe esidlangalaleni ukuba siza kusuka kwi0.57% yeGDP siye kwi1.7%. Oko kufanele ukuba kuncede umkhosi wethu wokhuselo,” wongeze watsho.
Kusenjalo, uHolomisa uthe la majoni alishumi elinesithathu awabulawanga kumlo othe ngqo. “La majoni adaniswa ngamanye amajoni.
“Imikhosi yaseCongo yanikezela, imikhosi yaseBurundi apho ibifanele ukugubungela elinye icala, yanyamalala kwaye ngequbuliso imikhosi yoMzantsi Afrika yahlaselwa,” utshilo.
Uncome intshukumo ekhawulezileyo yeSANDF kuhlaselo.
IOL
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro